kotaz cultural edition ● volume 5 number 3

64
Kotaz Cultural Edtion Volume 5 Number 3 ǁ1

Upload: kotazculturaled

Post on 28-Dec-2015

1.242 views

Category:

Documents


21 download

DESCRIPTION

Kotaz is a quarterly arts magazine with a special emphasis on contemporary South African Literatures.

TRANSCRIPT

Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3 ǁ1

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3

Kotaz is a quarterly arts magazine with a special emphasis on contemporary South African Literatures.

EDITOR: Mxolisi Nyezwa [email protected] EDITOR: Mangaliso BuzaniASSISTANT EDITOR: Madoda NdlakuseVISUAL ARTS COORDINATE EDITOR: Apiwe MaholaPUBLISHER: Imbizo Arts of South Africa (IASA)All submissions of original work in any South African language are welcome.Correspondence should be sent to:

The Editor/ Kotaz P.O. Box 63 New Brighton 6200 Port Elizabeth Tel/Fax: +27 41 462 5474

NB: English translations of copies submitted must be accompanied by a stamped self-addressed envelope.

Kotaz Volume ● 5 Number 3 gives a special note of thanks to

PEOH (The Port Elizabeth Opera House)

Kotaz Volume ● 5 Number 3 was made possible by the support of: ECPACC (Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council

VISUAL ART CONTRIBUTOR: Dolla SapetaVISUAL DESIGN & LAYOUT: MeangDESIGNER: @imeangPrinting: Express LithoISSN: 1606-6146

© Copyright is held by the: Individual contributors

Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3 ǁ3

C O N T E N T S Kotaz Cultural Edtion

INTSHAYELELOImbulambethe - page 1.

Amanzi ampompozayo aphuma emazantsi ematyeni - page 2.

Amazwi amafutshane ngobume besizwe noncwadi - pages 3-4. IMIBONGOMzi Mahola - Pages. 5-7.

Masakhe Mdunyelwa - Pages. 10-11. Mbulelo Nzo - Page 12.

Nompumezo Buzani - Page 13. Mangaliso Buzani - Pages 17-18.

Mvakalisi Edi - Page 20. Athenkosi Nyembani - Pages 26-29.

Madoda Ndlakuse - Page 31. Lukhanyo Sifo - Page 32.

Victor Mguzulwa - Pages 34-36. Pumelelo Antony Page 37.

Jessica Mbangeni - Pages 38-39. Mxolisi Nyezwa Pages 41-42. Mamtika Pakade - Page 42.

Mzuvukile Manxiwa - Pages 44-46. Mbongisi Dyantyu - Page 47.

Mpumi Cilibe - Page 57.

AMABALIUKUDUKA KWEMALI YAMATHUMBU - Fundile Majola - Pages 8-9.

UBUVUVU NAMAPUNGE - Pumelelo Antony - Pages 14- 16. ZIBUYIL’ INTW’ EZINKULU KWELENGOLOVANE - Douglas Ntuli - Page 21.

UMASBHANKA KANKEBEZA -Mpumi Cilibe - Page 30.UKUBALULEKA KOLWIMI - Luckeez Mfowethu - Page 40. ULWIMI LUKAMAMGHOBHOZI- Mpumi Cilibe - Page 43.

ITSILI - Douglas Ntuli - Pages 58-59.

UPHENGULULOFundiswa Mhlekedu - Page 19.Athenkosi Nyembani - Page 33.

Thobela Fibi - Pages 48-49. Peggy Calata - Page 49-50.

PACEC - Pages 50-54. Monde Ngonyama - Pages 54-56

IMIZOBO

Dolla Sapeta contributed artworks and photos in this edition-Pages 22-25.

NGABABHALIAmagqabantshintshi -Pages 59-60.

● Volume 5 Number 3

1 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

I M B U L A M B E T H EMadoda Ndlakuse

Mna ke nto zakuthi ndichukunyiswa kukutyeba kolwimi lwesiXhosa naluthando lwemibongo, amabali amafutshane, njalo njalo. Olu hlelo lwe Kotaz ngokukhethekileyo luqulethe imibongo nemfundiso ngendlela engummangaliso. Apha sikuphakela imibongo enoxabiso phofu singayishiyanga leyo ithetha ngezidla umzi. Into endikhuthazayo mna kukuba umbhali angozoyikiseli ngesiphiwo sakhe angatyhafi ngokutyhafiswa oyike ngokoyikiswa. Kumbongo ngamnye olapha ndijonge: • Ukusetyenziswakwamagamaaqhelekileyongendlelaenomtsalane;• Ukudimbazaamagamaamatshanatshoumntungamnyeazifumaneleinjongoyokubhalwa kombongonomyalezoowambethwengumbongolowo;• Ngexakukuhleukuwufumanaumyalezoemvakokwetyisaumbongolowo,kodwaungadeuntsokothe umbongo kucace into yokuba sakubhula sisela sinkantsa iminyaka kanti eyona nto ayitshoyo umbhali ayiveli.

Kulungile ke masityhalele phambilana! Ndinga ndingaqala ngaphi na ukuthetha madoda? Nje ngokuba ndisuke ndasisaqhaga samazwi, iyilo lakwabani, yinto endiza kuyithetha nabani le? Makhe ndiqine isibindi. Tyhini! Kakade ke okubalulekileyo kukuba ndibhuda into esuka entliziyweni yam nasembilinini yam. Kaloku mlesi xa kuthethwa ngesiXhosa ndiyavakalelwa, iba ngathi kukho nto isukayo apha kum ngaphakathi, ngoba kaloku bafondini ndingumXhosa xho, kunjalo nje ndingu lomXhosa wakhulela kwindlu yomxhoxho ngaph’ eMpukane, eNgqamakhwe, apho kukho ilitye lakwaPhungela. Kolu hlelo andixhobanga yeha! Ndixakathe iziqhamo zoncwadi lwesiXhosa ulwimi lwemveli, ndikuphothulela umphothulo wezincoko eziphilisayo nengqaka kwimibongo. Namhlanje zininzi iilwimi ezithethwayo ezinye zomelele, ezinye ziyambimbilizwa zezinye. Andifuni ke ubona isiXhosa sam nawe sishokoxeka siphelelwa yinkcasa nakubeni siteketeke kukutyeba. Andifuni kubona ulwimi lwesiXhosa lungcwatywa luhleli ngenxa yezinto-yinto zala maxesha. Kolu hlelo uzakutya uhluthe luncuthu maZangwa ozakuliva apha, yaye uzafumana iingcinga ezingamphosanga konke-konke umxholo. Nokuba useRhini, useGcuwa, ukwaNdokwenza, ukwaTyuthu, useTsholomnqa, eNxarhuni, useZola, eMbekweni, eKhayelitsha, useZibeleni, phi phi phi ..… yiza uzokufumana le nto kuthiwa sisiXhosa. Masikubulele Mkhuluwa Bhut’ Mxolisi Nyezwa ngesi sibane sikhanyisayo kwicala lenkcubeko, isihobe, noncwadi. Ungadinwa kukudimbaza kuba isizwe sibhuqwa yindlala yokufundwa kwencwadi. Noogxabakho abanjengoo Ayanda Billie, Mzi Mahola, Mangaliso Buzani, Monde Ngonyama, Mpumi Cilibe nabanye, sithi nangamso, ukwanda kwaliwa ngumthakathi. Kubo bonke ababhali abaye baphosa esivivaneni! Umhle umsebenzi wenu ningadinwa. Enkosi Kotaz Magazine ngokusondla ngesisidlo simnandi kangaka! Kudala silambile, imbalela iphantse yasigqiba. Enkosi ngokusinika eli thuba lokuba siveze izakhono zethu kwangaxeshanye sisakha isizwe.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ2

AMANZI AMPOMPOZAYO APHUMA EMAZANTSI EMATYENI

Mangaliso Buzani

Ibe luvuyo nombulelo kum ekusondezweni nganeno kwesi siqendu seKotaz, nje ngomnye wabancedisi kuhlaziyo lwalo mqulu. Ndakube nditheth’ ubuvuvu ukuba ndingathi isiXhosa asikhuli, okanye xa ndinokunixelela ukuba abekho ababhali besiXhosa abagqwesayo. Naba bakhona, baphilile ngesingqi nesimbo sokubhala esidlamkileyo. Bekani iindlebe niphulaphule iimbongi zakwaXhosa zicula iimihobe nemibongo kamnandi. Ababhali bethu abachaseli kude kwimiba edla emazantsi ngaphakathi isizwe sethu esimnyama, ngakumbi intsokolo engxamele ukuthibaza ingqondo zabantu bonke.

Kancinci ebunzimeni: ekuhlakuleni kwethu le ntsimi ichume yaf’ amacala iKotaz, ekukhangeleni kwethu siye sakhonjiswa zizinyanya zethu kubabhali abamangalisayo ngosiba lwabo. Uchapha lweembono zabo lunongwe ngezakhono ezingathethekiyo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ekhethekileyo. Kwalapha siye sayama emabalini amafutshane, kudliwano ndlebe, nakwiingxoxo ngokuzidla ngobuXhosa nangentetho yesiXhosa. Uyokuphawula ke mlesi ukusetyenziswa kothando nje ngomba wokuzixolisa kwiimeko esiphila phantsi kwazo, ukusukela kwiinkcuku zamakhaya ukuyothi jaju kwiinkcuku zesizwe siphela. Ubone kwakhona ukuphulukana nobuntu kumzi osakuba neqhayiya ngabo. Ukusilela kwemizi yopapasho-zincwadi nokunyotha kwayo ekunyuseni iintetho zemidaka kuhlupha ngokungathethekiyo.Umgangatho weKotaz uyaxhuma mihla le kusisa. Le magazini yenkcubeko nababhali iya phambili! Nam ndiyavuya ngokuzibandakanya, ndisiwa nani nje ngababhali abanxubileyo kobu bunzima, ndizidla ngeli hlelo lichumileyo zizimvo zenu. Ndiyabulela mzi kaNtsundu.

3 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

AMAZWI AMAFUTSHANE NGOBUME BESIZWE NO-NCWADIMxolisi Nyezwa

Phofu sizwe sasekhaya nicinga okokuba yintoni le inyanzelisa umbhali aphakamise usiba abhale phantsi incwadi, okanye abhale umbongo? Iyintoni intsingiselo yentsomi, umbongo, isihobe, ibali elifutshane nelide ngakumbi kwelixesha limiyo? Ingaba okukubhala mhlawumbi nje yinkcitha xesha, umbhali sukube ebhala phantsi nje ujamelene nentsunguzi yesithukuthezi nomvandedwa? Mhlawumbi isizathu asifihlakalanga konke-konke – YIMALI! Mhlawumbi ukubhala kukonwabisa. Wumbi uyakuthi ukubhala oku kukufundisa isizwe. Le yimibuzo umbhali ngakumbi omtsha apha ekubhaleni athwaliswa yona nethi imqhekeze intloko ngobunzulu bayo, angenwe lugevezelo Iwamadolo, de ikhokele komnye nomnye arhoxe apha ekubhaleni, ajiwule itawule, akhangele ndlela yimbi yokuzakha. Kuba ukubhala iincwadi kaloku kuqala yindlela yokuzakha wena buqu (personal growth), kwandule ilinge lokuzamela abanye, ulungisa isimilo soluntu nesesizwe. Masilumke singakuyamanisi ngamandla ukubhala iincwadi nokuqweba imali, hleze sidane ziipokotho ezingenantloni kukuvuza. Ukubhala kunento yokwenza nokuzilungisa emoyeni wakho (spirituality). Kuxa nawuphina umntu enoxolo ngokwasemphefumlweni apho kuye kugqame kuye ngaphakathi isibane sobuntu emoyeni wakhe. Ngokwamafutshane umntu usondela kuThixo. Ubhekela kude lee kwiintshukumo zendlavini nobuqhophololo obumnyama besilo sobusuku. Ushiya uburhalarhume ngasemva, anyathelele phambili ebuthixweni nasenyangwaneni yeZulu. Ababhali aba ziintambanani zomhlaba. Amaphiko abo abhabhazelela kuhle ngakwiinkedama zonke zomhlaba.

Masingabanqandi abafundi nabantwana abasakhulayo ekuthandeni iincwadi nasekukhuliseni iziphiwo zabo njengababhali abasebatsha. Izizwe ezimnyama zeAfrika zingqishe kanobom ukude kufikeke kwelinqanaba lanamhlanje lempucuko. Akukho kwanto esinyanzelisayo sisisizwe ukuba sithi sisamkela impucuko nobuxhaka-xhaka baseNtshona sibutshayelele kude ubuntu bethu nalawo kumasiko nezithethe zethu asigcine asikhusela asoyisela kwimingeni emininzi iminyaka eliwaka eyadlulayo. Ndithetha ukuba iintlanga zaseNtshona azigalelekanga eAfrika kwizizwe ezihlutshwa yindlala, okanye ezimpawo zitenxileyo. Azifikanga ezizizwe sixakiwe, okanye sinxunguphele. Besiziintsapho ezifumileyo sinamakhaya amileyo neenkosi ezithembakeleyo. Besinqula uThixo sithetha nezinyanya phantsi simazi uQamata ong-umDali weento zonke. Besilihlonele ingcwaba. Besilihlonele siloyika iZulu, singafane sikhombe nje umnwe phezulu esibhakabhakeni kungekho mfuneko sisoyika ukuphazamisana nomDali. (Thelekisa izimanga zanamhlanje: usana olubomvu lugobe isandla, lusalatha phezulu ngomnwe omnye, lufing’ iintshiyi, lisenyelisa umntu nomDali! Besinokuthini isizwe sethu ukungaphalali!) Besizazi thina iimfihlelo zomDali nomhlaba, sisazi iintaba neziziba ezicwalileyo ziqulathe iimbali nolwazi. Ubona nje uMqhayi waseNtabozuko evakalelwa xa ebhala ngentaba kaNdoda esithi:

Kwakuqutyudwa kuyo ngoobawo neenkosi,Kwathenjelwa kuyo ngoxolo nomkhosi,

Kusalelwe khona zezo ngangalala,NoSandil’ ukhona yena ncakasana.

Ndiswel’ imilomo, ntaba yakowethu,Situlo seenyawo zoThix’ akowethu,

Buso bukhangele ngasentshonalanga,Bubethwa yimitha yokumka kwelanga.

Ngendicula ngawe phantsi kolu viko,Ngendihamba kuwe kule nkcithakalo,Ndijonge ngakuwe xa ndiwa ngedolo,Ndiqale ngakuwe xa ndiya kuThixo.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ4

Abaphambukeli eAfrika bafikele ebantwini abaphilileyo, kubantu abanobuntu namasiko, kumadoda nabafazi azidlayo nanesidima. Sesosidima nokokuzidla okusilahlileyo namhlanje. Ukudlakathiswa kwabantwana. Ukuphathwa ngqwabalala kwamantombazana namaxhewukazi. Obu bububhedengu kumaAfrika. Kuquka ukwandiselana phakathi kwendoda nendoda. UThixo akabhidekanga ngqondo edala nje indoda ze adale umfazi wayo. Mfundi, xa ndisithi umfazi ndithetha umfazi, hayi indoda ezenza umfazi! Intombi emabele made, ezitho zichul’ ukunyathel’ okongcwalazi notyani lungcolisa intsimi ngehlahla. Ayilosiko lethu ukudlwengula abantwana. Ayisosithethe sethu ukubulala umntu naphantsi kwayiphina imeko, nakwesiphi isizathu. Le mikhuba siyibonayo ibingekho ngaphambili phaya. Ngamanyala aze nempucuko ekekeleyo yaseNtshona. Sizwe sakuthi nithi makwenziwe ntoni na? Kuyiwe kuwaphina amagqirha sekonakele nje? Ndiyabuza.

Kulomjikelo weKotaz sithe masicele umbhali nembongi umnumzana uMadoda Ndlakuse ancedise ukucukula nokuphengulula esisiqendu. Siyabulela ke kuye umnumzana ngokungazenzisiyo sibulela nangentsebenziswano entle ethe sayifumana kuye ubaw’ Ndlakuse nebonakala mhlophe kumgangatho walomqulu. Kangangokukhuthala

nokuzimisela emsebenzini awuphetheyo imbongi lena ithe yasenzela nodliwano-ndlebe nabasebenzi kwezenkcubeko beziko iPort Elizabeth Opera House, kuquka umphathi weliziko uMnumzana uMonde Ngonyama, abadlali beqonga bePACEC (Performing Arts Company of the Eastern Cape) , umdidiyeli nomqambi weengoma uThobela Fibi, nababhali ababini uAthenkosi Nyembani, nenzwakazi emanz’ andonga uFundiswa Mhlekude, yena oxelenga kumzi omkhulu wezosasazo nonxibelelwano uMhlobo Wenene. Oludliwano-ndlebe yinto ebise inqabile kakhulu apha kwiKotaz ngenxa yexesha elingekhoyo lokuluququzelela nababhali. Ukutsho ke kwakwesisiqendu sinethamsanqa lokufumana izimvo ezahlukeneyo neziphangaleleyo zababhali ezimayela nolwimi, ukubaluleka kokubhala nokufunda ngakumbi ulwimi lwasekhaya, namanye amabakala abhekisele kuncwadi lwesiXhosa jikelele. Ndiyafuna ukubulela kwangelithuba umzi wenkcubeko nemidlalo yeqonga iPort Elizabeth Opera House, ngokusebenzisana nababhali kuMnyhadala weeNcwadi iMandela Bay Book Fair, ebesifudula ukuwusindleka apha eBhayi ngoMatshi walonyaka. Eliziko phantsi kwengqonyela uBawo uMonde Ngo-nyama libonisa umdla omkhulu wokusebenza ukuphucula umgangatho wezenkcubeko apha ephondweni. Kuloo njongo yabo yokutyanda apho kuchizeke khona umsipha nokuba ligxalaba elibanzi kumaphulo akhasayo, iPE Opera House ibuye yafaka nesandla kwesisiqendu seKotaz, yathenga amaphepha aliqela entengiso (advertisement) ukuze umthwalo wokushicilela le ncwadana ungaweli kumshicileli yedwa kuphela. Sithi enkosi kwiPort Elizabeth Opera House. Nam ndiyaphinda ndisitsho ndisithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi!

Ukugqiba ndiyafuna ukukhumbuza abafundi ukuba lona umjikelo weKotaz wohlukile kwemininzi engaphambili kuba siye sagxininisa kuphela ekushiceleleni umsebenzi wesiXhosa. Ayithethi ke loo nto ukuba sochankcatha ngalo mgca wempuku naphakade. Oku ibikukukrobisa nzulu isizwe kubuncwane boncwadi lwesiXhosa nkalo zonke, nangokupheleleyo, sinika ithuba nababhali abafana nam lo abangazange bashicilele kwisiXhosa ngaphambili ithuba lokwenza njalo. Sifuna nokukhuthaza kwakhona nabanye ababhali abazivayo bathumelise imisebenzi yabo kwiKotaz ngenjongo yokushicilela loo malinge abo. Thina silapha ukukhuthaza nokuxhasa ababhali besizwe sethu jikelele. Amade ngawetyala mawethu. Mandigoduke kuhlwile.

5 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

IINKUMBULOMzi Mahola

Iminyaka yobutsha bamYeyona yayimnandi ebomini,Nokuba bangathini.Ngemihla yobutsha bam,Ndiyinkosana kulo mhlabaNdandindolosa ngezobukhosi kuloo mahlathiSibambene ngezandla nenkosazana yam,Indim, inkosana ezithambisileyoNenkosazana yesizweSichitha iimini zehloboSambethe ingubo eshushu yelanga,Isithi kuphela abachitha iimini zehlobo phezuKwamathanga aluhlaza nantofontofoOmlambo iTyhume.Ewe, ndandicela umngeniKwezona nzulu zawoNdizijula ndize okwendubula.Ndizizingele iinyamakazi,Iziqhamozasendlenobusi;Kodwa ndoyiswa kukuzifunela umqolombaKufuphi neengxangxasi zawoApho bendiyakuphumla khonaNgentsuku zam zokugqibelaUkuze amathambo am ahombiseEzontaba zeBhukazana.Kambe lawo yayingamathuba emboleko.Iminyaka ihluza iinkumbulo zethuIqwayite ezona zimnandiIzigcinele imihla yobudalaXa lo mzimba ungasenakhoUkuyondlaingqondo;Xa iinkumbulo zifana nobukhazikhaziBesiphelo sendlela

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ6

ISIMBONONOMzi Mahola

Abadala esixekweni bangqukulekaXa ulutsha lwaboLwahamba ngandlela yimbiNjengoko benzayo naboBeselula.Babiza izilumkoUkuzezikhomb’indlela;Koko ulutsha lwaphendula ngezithukoNjengoko benza njalo nabazaliBesakhula.Abazali bacela isisombululo kuSomandla,Laphendul’ ilizwi,Niyakuvuna oko nikuhlwayelayo.BoyisakeleBawarhoxisa amalwim’ abo ahlazekileyo.Akuzanga kubekho mpendulo.Yom’ imiqala.

Ngomso ulutsha lwanamhlanjeLuzakuba ngabazali besixekoNabo bazakukhwinaXa abantwana baboBekhangela kweliny’ icala.Ngokunjalo bazakufun’ iingcaliZizokukhomb’ indlelaNjengoko benzayo nabazali babo.Bazakuzirhoxis’ iilwimi ezihlazekileyoXa inzala yaboIphendula ngobungaphezul’ ubugwenxa.Nabo bazakucela amaZul’ angenelele.Kwakhona ilizwi liyakubakhumbuzaNgenqobo yokuhlwayela nokuvuna.

Akuyikubakho mpendulo.Isizukulwana esilandelayo sakuba silindileUkuze sidlulele phambiliKoko sikufundayo namhlanje.Naso as’ ukuba nampendulo.

7 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

UMLO NGOKULAWULAMzi Mahola

Ndahlala phezu kwedwala ndondelaKutyhilwa indalo ngenyobaAbelusi bavela macal’ omabiniBeqhub’ imihlambi yaboBeyisa ediphini.Ukukhonya okumyoli kweenkunziKuyondelelene nokunxakamaKwalomihlamb’ ihlangabezanayoKwavakala nasentiliniKwazalisa nesibhakabhaka

Loo madod’ anxungupheleyoEnza amalinge omzuzwanaOkwahlukanis’ ezo nkunzi zingalawulekiyoKungekonakali.(Akutshiwo n’ ukuba azigqubi sibayeni sinye?)Kwasebenza ubulumkoXa ezo nkunzi zathi zahlangabezanaZikhuph’ umsi ngamathathaAbelusi baphel’ emehlweni.Kwakungekho nto inokuzithibaza xa kunjeKuba umsindo nokunyoluka kwakuzilawulaEkwakunyenzelekil’ ukubaZidibane kucac’ ezakuphatha.

Zazishiy’ iimaziZifutha zigqubaZiqondele phantsiIzisu zivuthelana zitsamaNgomgqumo ngamnye.Amathole ayegabadula luloyikoAtsho andikhumbuz’ intetho ethi,Xa kusilwa iinkunziAmathol’ azimela ngoonina.Emboniselweni yamNdawabukela la marhamncwaEhlangabezana efinc’ umda owahlulayo.ZadibanaAtsho angcola amacongwanaKukutyatyaza kwephanyazo.Zazijijisana zibhovulanaZisunduzana ukuya ngapha nangaphaNgapha nangapha,Ziyithe qhiwu imisil’ okweembasaKwasiphuk’ imithana nezihlahlaKwaqhawuka neengcingo,Zityoboza yonk’ intw’ esendleleniIngunomjiKungekho ifun’ ukugob’ uphondoNdatsho ndakhumbul’ ntetho ethi,Xa kusilwa iinkunzi ezimbiniKuba yingqushu kulo ndawo.Abaninizo ababenkwantyaBazibukeli’ iinkunzi zabo zimanxebanaBengenakwenza nto.

Ndamane ndizibuza ukubaLwakuphela nini olu bangiswanoUkuze kuqhutyw’ umsebenzi?

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ8

UKUDUKA KWEMALI YAMATHUMBU Fundile Majola

Kuthi ngaminazana ithile sifika ekhayeni sizibuyela esikolweni nomntakwethu, siphakelwe ke umphokoqo oshoqololo nokhatshwa ngamasi anocwambu olungqumbululu. Sithi ke sisawungena umphokoqo lo, sicengwe ngumzali ukuba sigxabha-gxabhise ukutya oku ukuze sileqise kwaMakoti, apho siyokuthenga khona inyama yangaphakathi. Inyama yakwaMakoti ke ikhawuleza iphele, iyaleqwa.

Inyama le ke mfundi wam, njengoko sisazi iquka amathumbu, amaswili, imithalo, oodakada, oondonci, imihlehlo, neegedesi zenkomo nezegusha.Yinto nantsi ke le nyama ekuhlaleni ngoba kaloku iselolona hlobo lwenyama lufikelelekayo ngokwasempokothweni kubantu bakuthi. Ibamnandi nangakumbi ke inyama yangaphakathi xa iphekwe nedombolo. Kodwa ke njengoko sisazi sonke, kufuneka umntu athi qhwi-qhwi ukuyinambitha ngoba hleze imphoxe, linqum’ esandleni esalibuka inqatha.

Ngenxa yenkxalabo yokuba hleze singawafumani la mathumbu kuba sicothisisa ukutya, nto leyo isenokuthethaukubasingayakulalangokuhlwasingayityangainyama;uBraSuzuyeakhupheizwilokubasiwushiye umphokoqo sibaleke. “Awubaleki lo mphokoqo makwedini, niza kufika uselapha xa nibuya. Balekani, niyayazi akhawuleza aphele amathumbu!”, ungxolisa atsho, esondela ngesasitulo sakhe sihambayo. Okunene ke siyaphuma sisingise eLalini eBomvu.

Khumbula ke mfundi wam ukuba inyama yangaphakathi le iyathengiswa nakwaMawila, futhi ke ibiza ngezantsi kunakwaMakoti, ngamashumi amabini onke eesenti. UMakoti ubiza amashumi asixhenxe onke eesenti, ngelixa yena uMawila ebiza amashumi amahlanu kuphela. Kodwa ke uluntu luvumelana ngenkolelo ethi iyavinjwa inyama kwaMawila yaye ke ingafiki nangencasa kweyakwaMakoti.

Sithi siphathiswe iimali ezimbini ke, omnye anikwe eyasekhaya, ngelixa omnye enikwa ekaNanini, ongumama ohlala kwityotyombe elisemva kwiyadi yasekhaya nesinqanda-mathe sakhe uBra Cat, nonyana uPilityi. Kuthi ke kuba simke singaxolanga mpela ngulaa mphokoqo, futhi ke nelaagqubusha uSathana lingakuthandi ukulala lingatyanga, kuvele icebo elimdaka.

Le indim ifikelwa yintlondi yokulukuhla umninawa ukuba kwenziwe ukungcola: icebo lokuba la mathumbu athengwe kwaMawila ngeesenti ezingamashumi amahlanu, ze kutyiwe amashumi amabini kuzo zombini ezimali siziphathisiweyo. Ivume ke nentwana, imthembile nje umkhuluwa.Sithi ke ngelixa sisalinde ukufika kwenyama njengomntu wonke kwaMawila, sithenge ikota enebhotolo kwaM&M. Siyaqhekezelana sitye, yehla kamnandi. Sithi sakuphela isonka sithane krwaqu nomntakwe, sakugqiba sincumelane, kube ke oko kukuvumelana ukuba iyadingeka neyesibini. Nayo ke siyithi bimbilili ngoko nangoko, sifumane iilekese iiGolden Nuts ngetshintshi, simungunye.Iyafika inyama emva kweeyure ezimbini, kugilwa-gilwane ngabahlali, ibenguwashiywa, kungekho ufuna ukuphoswa. Uyahamba umgca, kuthengiswa, siye sisondela nathi. Kodwa ke kuthi ngelishwa lomhluzi wamanqina, xa kanye kuza kuthengiselwa usisi omi phambi kwam, kuphume umpoposho othi inyama iphelile.

Haha! – waqhawuka unobathana! Siqala sijamelane ke ngoku nomfana, simathile, zehle iinyembezi kuye kuba torhwana engumntu oloyikayo uswazi, futhi ke ewuqonda nomsindo osilindileyo ekhaya.Endleleni egodukayo sithi xa sidlula kulandlu ithengisa iimbotyi neetapile eGunguluza, ibekwa ndim oza necebo lokuba maze sithi bekugcwele kakhulu kwaMakoti, asawafumana ke ngoko amathumbu, kwathi ke futhi kuba besisiza sibaleka, zawa zalahleka ngaxesha-nye ezaa thubhobho, zatshona kulamngxunya wa-manzi ungaseZimbotyini. Xa kubuzwa ukuba sihleli phi ke ngoku, ndithi zesithi besisoyika ukubuya kuba sinexhala lokubethwa.

9 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

Eli cebo lokuduka kweethubhobho siye ngenxa yokuba singamaKhomazi – abantu abathi bakungena ehlathini suke bee pheselele, baduke kuba ilikhaya kubo elo – silibone linokusikhupha engxingweni yokuqhekezwa.

Sithi ke sisanyoshoza kulooGunguluza, amavalo engongoza, sele kuhlwile futhi, simbone uBra Suz eqhutywa nguBhut’ Yhoyhoma, kucacile futhi ukuba kukhangelwa thina. Uthi uBhut’ Yhoyhoma akusibhaqa akhwaze ngoko nangoko, “Hey, Bra Suz, nazi mos ezilaytie! Nivela phi makwedini, kunini nilindiwe? Nithi kuphekwa nini?”

Sithi sisazama ukushwantshwatha impendulo angenelele uBra Suz, “Hey kwedini Skhumba, uvela phi nalentwana, kutheni ungcolile nje? Masigodukeni!” Ndiyiqonda kwangoko ke eyokuba alithengwanga iqhinga yaye kuza kudanis’ oonopopi sakufika. Ndiye ndizitsholo ngaphakathi ukuba impendulo yalancwadi bendiyibhala ibuyile, kuza kutyityilikwa ngoku. Kuyashwatyulwa endleleni ke, sithenjiswa nangongonjwa. Futhi siyazi akaxhomi uBra Suz, uzakusibetha ke qha.

Sithi singena nje endlwini kube sekukhala impama emntwini, inguqhu-saa, brrr-bhilikidi-bhilikidi gqwa, natya phantsi le indim. Athi engekabuzwa nanto umninawa, ndive ngaye edanduluka, ebayimpempe umtshana ngoku,ethetha engayeki, endimpimpa,“Hayi uxolo Bhut’ Xoza, laamali ayilahlekanga! USkhumba uthe masiyitye sithi ilahleke ngaseZimbotyini. Sithenge iikota ezimhlophe ezimbini ezineslaypaloni nebhotolo, sathenga neelekese ngetshintshi.”

Yho! Kuqalisa ukuba kubi ke ngoku kum, yintoni le imbi kangaka ndiyenziwa yilentwana ngoku, ndiyazibuza. Ndithi ndisathi ndiqalisa ukukhanyela, ndizama nokuma ngomlenz’ omnye ndibonisa ukunyaniseka kwam, sibe selesigaleleka isitulo sikaBra Suz, ndiphutha-phuthwe ngapha nangapha, encedisa noBhut’ Yhoyhoma, “Yiz’ apha kwedini, beningatyanga aph’ endlini!?”

“Yho, yho, uxolo Bhut’ Laysuza, Bhut’ Laysuza uxolo …..”

Kuthi kuse nguloo mbhodamo, ndibone ngelibali seliphela …ncincilili!

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ10

NKOSI SIKELELA IAFRIKAMasakhe Mdunyelwa

Yingoma yomphefumlo nendzondelelo yobomiYingoma yomthandazo neentsizi zeAfrikaYingoma yemidlalo nendebe yehlabathiYingoma kaPoqo neGuerrilla zeAfrikaYingoma yabasebenzi neIdamasa yenkululekoYingoma yeenkwenkweziNgomandini yemiphanga nendzondzobila yentliziyoYingoma konyulwa uMongameli namhla yangqengqa ingangalalaYingoma yabafundi beAfrika neenkedama zikaGawulayoYingoma yamakhamandelaNgoma ye-tear-gas neembhumbhuluYingoma ye-A.K. 47Ngoma ye-Scorpion ne-UziYingoma yeLimpopo neZambeziYingoma empompoza iinkumbulo mhla-mneneYingoma empompoza egade indlu yamanyangeYingoma yembandezelo namhla yazalwa inkululeko yeAfrikaYingoma yonxunguphalo namhla yavela idemokrasi yoMzantsi Afrika.

11 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

NGOOGUNYAZILE THOB’ IGUNYA CONTRALESA BAYEDE! NDLU YENKOSI SIYAKUTHOBELA

Masakhe MdunyelwaBhotani nonke ziNkosindini zamasiko nezikhahlelo zohlanga Camagwini ziNkosindini zegazi phakathi kwenduna nembongi zaKomkhuluContralesa ngoosithoba-simbathe iimithetho yeeNkosi neeKumkani zeAfrika Ngoosithoba-simbathe iimithetho yeNkosi kwaNtsonga-Nyawana neNtaba Kandoda Ngoosithoba-simbathe imithetho yeNkosi kwanokuthonga ngazo Ngoosithoba-simbathe amasiko omthonyama nezintsokotho zaKomkhulu Ngoosithoba-simbathe umyalezo kaMhlekazi uNtsikane nentlekele ka-Jan Van Riebeek Ngoosithoba-simbathe intembeko kaMhlekazi uNkosi uMaqoma nentlekele kaNongqawuse Ngoosithoba-simbathe umrhabulo ka Dr. J.L. Dube Ngoosithoba-simbathe ingqiqo kaMakana eziNtakumbeni eRhini Ngoosithoba-simbathe ingqiqo kaPoqo nobuzwe be-Azania Ngoosithoba-simbathe imfesane kaNkosi Chief Albert Luthuli Zola nje ngeeNkosi zimbathe inimba nentsizi zeAfrika Ntlanga zehlabathi namhla ziyanithobela Ntlanga zezizwe siko lendalo ziyalongamela Ntlanga zeAfrika namhla ziyanibhotisa Bhotani abantwana begazi nithi AA! Duma-ngentobeko ziNkosindini zomthonyama Ngaxeshanye zee thozalala yanga ziwongwa namhla Wambu yingwe emabala-bala isilo seNkosi zeAfrika KwiNkosi siwa ngamadolo sivuke ngezikhahlelo Lisiko lidala linenkqayi ndiyanixelela ndiyanikhumbuza Sikhahlela nditsho noNyawo-ntle nditsho nabaqaqileyo Sikhahlela amaQhawe nezimango zeAfrika Sikhahlela iPalamente ye-Azania nditsho kuni zi-Guerrillas zeAfrika

Wofika siyikhahlela njalo ngangalala yohlanga Yobe imile ngesidima nesithozelo izolile Ithokombise intloko iNkosi yesizwe Siyikhahlela side siyiphulule nentamo yayo Kaloku nendlovu iyaliva ilizwi lobuhlobo IiNkosi mazithambe izicaka zivumile IiNkosi mazithambe ngembizo zeAfrika zizolile IiNkosi mazithambe ngamabandla akowazo Thambani Mafela-ndawonye iingelosi zeAfrika ziningqongile Thambani Mafela-Nkosi nezinyanya zeNkululeko ziningqongile Ndima yeeNkosi kukungxengxeza kwaboMgquba nabangasekhoyo Ndima yeNkosazana kukuyolisa amahlwempu nemilwelwe yeAfrika Ndima yeKumkani kukuxabisa iingxwelerha zeNkululeko Nkululeko kumathambo eNkosi negazi lamaAfrika Nkululeko kwingqumbo nezishwabulo zeNkosi zelilizwe Nkululeko kwingqumbo yemiphefumlo eyawela kumahlathi Nkululeko kwingqumbo yabaxhonywa kwiAfrika yamanyange Zobe zityibela ngosiba iimfundikazi zomthonyama Imbongi ngumkhululi wabakhonxwa baKomkhulu Zobe zidudumisa iiMbongi zeAfrika

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ12

KULUTSHA LWETHUMbulelo Nzo

Vum’ uqeqeshw’ uqeqesheke, uqhuqhekeVum’ ukhulisw’ ukhule , ukhululeke Vum’ ufundisw’ ufund’ uchubekeVum’ ukhuthazw’ kuvuthuluk’ ubuvila .

Oqeqeshekileyo unesidimaOkhululekileyo ubolekw’ indlebeOfundileyo usiw’ iso, abukweOkhutheleyo unekamva nempumelelo

Qhuqhek’ ukuz’ ingqond’ iphangalaleKhul’ ukuz’ uluntu lufikeleleFund’ ube lulutho kuwonke-wonkeKhuthal’ ukuz’ ungqinwe zizizwe zonke.

Mntu mni lo ungafund’ efundiswa?Mntu mni lo ungafund’ ukuzimela?Mntu mni lo udlavuza esoyiswa kukucwangcisa?Mntu mni lo ungafundi buchule bakwenza?

Ulihlazo kwisizwe nabantu bakowaboUnzonzothekis’ inkqubela ngokudangalaUdodobalis’ isizw’ engenampumeleloUnezothe kub’ iziqhamo zakhe ziyalabalaba

Obakhe ubomi bobochuku nomona Obakhe ubomi bobentlebendwane nolunya Obakhe ubomi kukwenyelis’ abanempumeleloOkwakhe kukuhlasel’ abaqamele ngenyaniso

Vila ndini lingev’ amazw’ enkuthazo!Vil’ elithe bhakaxa davu lingashixizi kushukunywa!Vila ndini lingothuki naxa lixambul’ emgxobhozweni!Vil’ elingaziboni naxa lixhents’ enkunkumeni!

Mtyesheleni kub’ akant’ esizweni Myeken’ uvila-votyo , idangal’ elingeva nkuthazoMtshikilel’ owonqena d’ abe ngumpha wezalaShenx’ uxhay’ ixixilili lexaxavithi lexelegu.

13 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

UBUDE BENDLELANompumezo Buzani

Ubude bendlela baziwa ngumhambiNdinguye umhambi ovusa uthuliKhe ndabona ngaso linye mhla lagquthaQaba-qab’ imvula sadamba isagqwithiPhaxa-phaxa amendu alawulwa ludakaZandingqonga iingqiba zamafuZiqulathe iinkumbulo zobutshaLwandoyama ukhwekhwe lwabatshakaziNolicondobe ndichul’ ukunyathelaKhe ndatyumtyeka ndinyunjazwa ziingcinga.Ingqondo ngundoqo icamgca ngengqiqoAmehlo agcoloda kukubon’ iinkwenkweziImitha yelanga iza nonxunguphaloIgqala emehlweni akrobise entliziyweniAmehlo ngontamnani emfihlo zomphefumloNdinguye umhambi ove ubunzimaKhe ndasitsho isijwili seenkedamaKhe ndalicula elandicamisayo labahlolokazi Yaqhawuka inimba ndalil’ ezimathontsiUthuli lwamkela inyama yenyama zamIgazi lam lajiya kumathumbu omhlaba Igama endalithiya ndichwayitile ndingunozalaLacinywa emehlweni abantu kwincwadi zomhlabaKambe ke ndiyinj’ ezikhotha amanxebaOluhambo lude kwindlel’ emajiko-jiko.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ14

UBUVUVU NAMAMPUNGEPumelelo Antony

Kwakukusasa kakhulu ngentsasa yango Mgqibelo mhla ndikhwela ndisiya eDikeni eDyunivesiti, eFort Hare. Ndandisiya kubona lowo uyolisa intliziyo yam, uYoliswa endandimthanda ndingaziva ngaye, efunda apho eDyunivesiti, eFort Hare. Indlela endandimkhumbula ngayo yayiyengathethekiyo, ndibona ukuba ukulindela ukuba abuye kwakhona ngeholide zobusika kuya kundilibazisa. Ndandimtsalele umnxeba kwangezolo ndimazisa ukuba iyakuthi iqina imini ngosuku Iwaloo Mgqibelo ndibe sele ndilapho eDikeni.

Ndavuka ngonyezi ngaloo Mgqibelo kuba ndifuna ukuphuma nenqwelo yokuqala esingisa kuye kwaSomgxada. Ngethamsanqa ndafumana kwezi nqwelo zincinane zikhwelisa kuphela abantu abahlanu. Nakhona ndafika sele kukho kwesisitulo singemva osisi abathathu. Ndafika ndazifaka apha kwesisitulo sisecaleni komqhubi, sesibane ke ngoku, silinde umntu omnye kuphela ukuze sinduluke. Sisalinde njalo zatsho iindaba zentsimbi yesixhenxe kuMhlobo Wenene, samamela kuba sonke sasisazolele lowo uyakuthi afike, singene endleleni. Into eyatsala umdla wethu kwezoondaba zindaba zokuxhwilwa kosana olusandul’ ukuzalwa kwisibhedlela sabucala, iCuyler Hospital apha eTinarha. Kwakucelwa nabani na onolwazi makancede azise amapolisa. Zatsho zachazwa iinombolo emazitsalelwe kumntu othe kanti unolwazi ngokubiwa koloo sana Iwalusandul’ ukuzalwa.

Kwaphela ngaloo mzuzu ukuthi cwaka kuloo nqwelo, sancokola ngesisihelegu, abanye beqinisekile kuyakusetyenziswa amalungu oloo sana kwizinto zobugqwirha. Bangqinelana bonke apho kuloo Mazda sasilinde kuyo. Ndakhe ndazibamba andangenelela kuba ndandinge mntu ukholelwayo kwizinto zobugqwirha nokuthakatha. Ndandisoloko ndisithi ezo zinto zibubuvuvu namampunge obuphenjelelwa ngabantu abathe mome ziinkolo ezingasi ndawo. Ndithe apho ndingenelele khona encokweni ndangena sele ndikhabalaza, ndigqwashula, ndiphikisa loo nto babeyithetha, ndisithi ayikho into ebubugqwirha, nto nje ngabantu abathanda ukusasaza ubuvuvu namampunge aphenjelelwa zinkolo ezingasi ndawo. Ukuphuhlisa uluvo Iwam ndide ndibabuze ukuba xa uthakathiwe uyakwazi enkundleni ukuphuhlisa ubungqina bokuthakathwa kwakho? Andiwa ngentsini loo magqiyazana aye ehleli emva kwam esithi ndinenkani nje ndakuzibonela ngenye imini, kwaye ndakuze ndibacinge ndineenkani nje. Ndikhuphe amehlo xa eli nenekazi lihleli kanye apha emva kwam lisithi lona lalihlala nomyeni walo etyotyombeni kulo myeni bengekatshati. Umyeni wakhe lowo waye ephuma ngentsimbi yeshumi ngokuhlwa emsebenzini. Kwacaca ukuba ufike ngethuba ekhaya ngobunye ubusuku kunangesiqhelo. Wayeqheliswe ngunina ukufika ukutya kwakhe kwangokuhlwa kufudumele, athi efika yena kube kusafudumele. Ngale mini wothuka woma akubona unina ngefes-tile ehamba njengoko wazalwa, echophe phezu koko kutya waye ekufudumezela unyana wakhe. Liqhube eli nenekazi lisithi singalibali ke lento yenzeka ngelixesha selebazisile ukuba ufuna ukulitshata eli nenekazi. Akazange abe sangena apho endlwini aye kulanda ukutya kwakhe njenge siqhelo, balala bengasifumananga isidlo sangokuhlwa ngobo busuku, umlomo ungahlangani kuloo mfana yinto ayibonileyo isenziwa ngunina. Ngosuku olulandelayo akazange abe saphangela, bahamba befuna indawo yokuhlala oku kokuba baphume baphele kulomyeni, engakhange atsho nelimdaka kunina nakuyise. Akasawubeki kwanomcondo wakhe kowabo. Ebalisa nje nabazali bamangalisiwe benomnqa yiloo nto yokumka konyana wabo engatshongo nelimdaka.

Ndatyhiliza nje ndisithi hayi suka akukho nto ikukuthakatha nobugqwirha, nto nje abantu bayathanda ukwenyelisa abanye abantu bephethwe ngumona. Naloo mama mhlawumbi wayefuna nje ukuba unyana wakhe eve ngaye kunawe. Ladanduluka elo nenekazi libufudumala labuza lisithi: “Asikokuthakatha ke oko? Uthi kutheni efuna ukuba makeve ngaye nje? Ade achophe avuzise ukubila komphakatho wakhe phezu kokutya konyana wakhe? Yintoni ke le, asibobugqwirha?”

15 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

Yalandelelana loo mibuzo ndatsho ndema nematha, andakwazi ukuyiphendula loo mibuzo. Bendichazela ukuba nditsho nje ndingekahlelwa yinto eyakundenza ndibazi kwaye ndibuhloniphe ubugqwirha obu. Kusenjalo ndavuya xa kungena umama owaye ephethe usana, neMazda yaphelela ukuba sinduluke. Kwandisindisa ukufika kwaloo mama, ndatsho ndasinda kwezoo ntetho zezoo mazi, kucaca ukuba zingandidla ngamazinyo, ndiziphathe emanyeni. Akugqiba ukufumana iimfanelo zakhe umqhubi sangena endleleni kwakhona kwee cwaka, kwee zole kwathi tu, kungekho namnye uncokolayo kwakhona. Isimanga ke ngoku sisizungu soloo sana Iwaluthandelwe nguloo mama, oko engenile enqweleni usana lujweda Iwenza into enye lungathuthuzeleki.

Silinikele umva iTinarha sadlula eMotherwell, eBhayi apho umqhubi athe wazalisa khona iMazda yakhe ngamanzi namafutha. Sidlule eColechester senjenjeya sibetha kuhle ukuleqa iRhini, kodwa isimanga nkqi usana ukuyeka ukulila, ndithi mna Iwalungabiwa nabubuthongo obu bembala. Isenzele isithukuthezi ke lento yesi sikhalo, kodwa akwabikho mntu unaso isibindi sokungenelela ukuncedisa ukuthulisa usana olo. Chu umqhubi neMazda yakhe ingathi kuye ayimkhathazi tu leyo yokulila kolo sana, yayibetha kuhle inqwelo sesijonge ukufika kuloo majiko-jiko eXerha. Sothuka sabheka sonke xa lo mama edanduluka esithi kumqhubi makamise azo kwehla. Nomqhubi wenza njengoko ebe eyalelwa, wehla lo mama ecaleni kwendlela kwampenge-mpenge, emahlathini anamathafa kungabonakali nazindlu. Wayitsala umfo wabantu inqwelo yakowabo ukuya kuloo majikojiko eXerha. Sithe xa kanye siwagqiba loo majiko-jiko eXerha, kwadanduluka laa sisi besiphikisana naye ngobugqwirha esithi: “He! Bantu! Nithi niyayibona lento yalo mama wehla nosana emathafeni kwampenge-mpenge? Andibonanga nazindlu kulaa ndawo la mama ehle kuyo.”

“He! Wethu! Uthini ngosana olu lungathuliyo luthuthuzelwa? Kona kodwa ukubiwa bubuthongo, tu! Akanayo nebhotile yolaa sana la mama, ebengalufaki nentlonze le yembala!” Ndathetha ngathi ndibotshwe emnweni seso simanga sasisothusa. “Bhuti asingomntwana wakhe Iowa la mama, mhlawumbi umbile la mntwana. Nceda Bhuti masijike sisindise la mphefumlo mhlawumbi lusengozini yokubulawa olwasizana. Nceda torhwana Bhuti!” Watsho omnye waba sisi ecenga umqhubi. Zange aphozise maseko wayijika umfo wabantu iMazda yakowabo sileqisa into nathi esingaqinisekanga ngayo. Umqhubi uthe ujikiswa kuphela seso sikhalo sasisa nkenteza ezindlebeni zakhe esoyika isono sokuyekelela usana engozini abe ebe nako ukulusindisa.

“Niyakhumbhula phofu ukuba kwiindaba ebesizivile kuMhlobo Wenene ukuba kukho usana elibelixhwilwe esibhedlele eTinarha? Sazi njani ke phofu ukuba asilulo olu usana luphethwe ngulo mama?” Ndatsho ndiwakhuphe entloko, ndibambe amazinyo lelo sikizi ndandilicingela.

“Nceda wethu Bhuti mntwana wabantu, yiba ngathi uyayinyathela kuba ola sizana losana alunabani wokuluthethelela kwezaa zikhohlakali zingcolileyo zicinga kuphela ngondlela lula qha wokwenza imali.” Watsho la sisi wokuqala ebe sibeke sonke ezingqondweni.

Wayibetha yancinci lo mfo lenqwelo naye ephethwe kukufuna ukunceda kule meko sele elibele kancinci ngoshishino olo lwakhe lokuqhuba. Waye exakekile ke omnye waba sisi, etsalela umnxeba abakwasidlodlo, esikhathaza esifuna ezoo nombolo bezichazwe kunomathotholo ngaloo ntsasa, ngelishwa kwakungekho nomnye owazigcinayo ezoo nombolo, wabhenela kuleyo yaziwa nguwonke-wonke yamapolisa kuMzantsi jikelele ethi 0800 10111. Ibe ngaloo mahintsi-hintsi, kodwa ngethamsanqa wabe uyagqobhozela, wakwazi ukuthetha nabo abo bakwantsasana.

Sakufika kuloo ndawo sikhe sema nematha, singazi nokuba masithini kuba kwakungekho mntu, kungekho nento ethi bekukhe kwakho umntu apho. Aba sisi bacele mna nalomfo uqhubayo ukuba singene apha emahlathini kuba singamadoda, sikhangele mhlawumbi singabhaqa nto. Ndikhe andayithandisisa ke noko le ingcebiso, ndangenwa nalugevezelo Iwamadolo, ndiqonda ke noko ayingangam xa kungoku, kodwa ke ndaziqinisa, ndingafuni lamahotyazana andiwe ngentsini kwakhona. Ndaginya ilitye ndamlandela lomfo, sangena emahlathini apho sizama kukhangela lo mama nosana olo. Sichwechwa njalo sele kulithuba noko sikhangela, sothuka saphantsa ukuzichamela yinto esayibonayo, phofu ke sarhwetywetshwa kwayingxolo kuqala, sasondela. Mha! dadethu, isimanga esasibonayo apho sesingathethekiyo. Yayingomama abahlanu behamba ze, bephikisana, behlutha-hluthana ngenyama, bebhonte ligazi.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ16

lindlela esothuka ngayo intliziyo zethu zaphantsa ukuphuma ngomlomo, kananjalo sasifuna ukubawa ngentsini yindlela ababe ngumbono ngayo, behamba benxibe isutu yesele, besitsho ngevatala zamabele nemiqamelo yeempundu. Babengenalo nothuku bubukho bethu kuloo ndawo kuba babexakekile bexhwithana ngezongadluma zenyama esasicinga ukuba babe lijaja ligazi layo. Sikhe sadideka kancinci xa sisiva omnye ekhalazela ukufumana isahlulo esincinane esakugqiba ukuza nawo ngokwakhe umcimbi, ze lowo babe xhwithana kunye naye afumane isahlulo esithe xhaxha kuneso sakhe. Sajongana nalomfo saqonda ukuba ingenil’ intak’ endlwini, silande emkhondweni onguwo. Sikhe sangenwa nalidyudyu sisoyika ukuba ayakusithini loo magqwirhakazi ukuba anokuqonda ukuba silapho.

Sakhululwa kukuva iinqwelo zabakwantsasana zisitsho, bathi xa besothuka befuna ukubaleka sasuka sevumbululu sisithi mabame kanye kuloo ndawo banganyakazi nokunyakaza, phofu sele sizenza amapolisa singafuni ukuba babhungce. Sakhwaza sisenzela ukuba amapolisa lawo ayefika akwazi ukusifumana apho sikhona. Bagaleleka abakwantsasana bothuka boma bakubona loo mbono. Eyokugqibela ukusothusa yeyokuba loo nyama kwakuhluthwana yayingamalungu olwasana Iwalulila enqwelweni ngaloo ntsasa. Yaba nguloo mbono, aboo mama behamba ngezo vatala zamabele naloo miqamelo yeempundu, bekhweliswa kwiinqwelo zamapolisa nezo ngadluma zezigede zamalungu osana. Yaba ndim ke lowo eguqa ngamadolo ndikhupha yonke lo nto bendiyidle ngaloo ntsasa, ndijikelezelwa nayintloko kukubona isimanga esinjalo.

Akuphelelanga apho zaqala phantsi iimazi xa sele kugqitywe yonke into namapolisa, sele sigqibezela uhambo Iwethu, zindipheka zindophula, zibuza ukuba ndisatsho ukuba ubugqwirha bubuvuvu namampunge kusini na. Laqhubekeka lathi elinye inenekazi ukuthakatha asikokukhwela umtshayelo kuphela. Yonke into engcolileyo oyiceba uyenze komnye umntu ngenjongo zokumsadalalisa bubugqwirha nokuthakatha oko. Ndagqibela ngaloo mini ukulikhupha ndisithi ayikho into ebubugqwirha nekukuthakatha, ndisithi bubuvuvu namampunge.

17 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

NDIBIZWA LILANGAMangaliso Buzani

Ndiphuma nesitulo samNdibizwa lilangaIncwadi iyaziyalezaNqaku ndiyayithathaInja yam iyandikhokhelaOkwemvumi umoyaNam ndiyalandelaChuu ngezihlangu ezikekeleyoNdiyokukhanyisela ingqondoVuu emthunziniNdamkelwa ngumthiOnxibe idyasi eluhlazaNam ndiyabhotisaKushukuma amahlahlaIyavuma inkosiNdicenga umthunziAmehlo aqalisa incoko nencwadiIyahamba kwaneminiPhantsi kwamasebe asixwexweUlonwabo loneleUmphefumlo upholile Intliziyo iyahlekaAmabali ayanyumbazaNqeke amazinyo abomvuBayabhala abantuAmathambo axelela igaziIlulutho le ncwadi.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ18

N O L I Z W E

UBUSO BAKHO

Mangaliso BuzaniUmhle uhonjiswe ngeentyatyamboUjikelezwe yimilamboAmalwandle aneengomaUzele zizityaloImithi ethwele iziqhamoUnengxoloUbomi bezidalwa zikaThixo Uqhayisa ngelangaUfumbathe inyangaKubusuku obuzele ziinkwenkweziUvuthela izilondaUphilisa amanxebaNgomoya ohlambulukileyoZiphole iintliziyoUnochapha-chaphaIzingqi zemvulaUnomculoUthwele unomathotholoIntaka egxalabeni lakhoUnencokoUsebe-sebe wezithandwaZonke eziphilayoZisezandleni zakhoZikubulisa ngentseniWolule ezoongalo zakhoKugqame ibe yimini.

Mangaliso BuzaniMhlawumbi ndishwatyulelweNgobugwala ndiphehlelelweKutheni kuba mnyama xa ndinyathelaUbuso bakho busithela phakathi kwemitha yelangaNdikhubeka ndisiwa kungekho matyeAmazwi ephelela emqaleni ndifuna ukuthethaNdiqina xa usithi thuNdome ndibe sisitetywa ukuthi tuMakube ndibethwa bubuhle bakhoOkanye nditsalelwa ngemva luloyikoLwamabele akhoKodwa ndiyakuthembisaNgeny’ imini ndokuyibulala le ntakaNdithethe elubalaNdithi: Mabhebeza Ndiyakuthanda.

19 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

KUDLIWANO NDLEBE NO-FUNDISWA MHLEKEDU

Imibuzo nguMadoda Ndlakuse

MN: Ingaba ababhali besiXhosa abakhoyo benza ngokwaneleyo ukuze isiXhosa sakhe isizwe, sifundise?FM: Ewe, ababhali besiXhosa bazama ngandlela zonke ukuba isiXhosa siphucule uluntu, sakhe isizwe, sifundise kwaye sonwabise. Ababhali bayayidlala eyabo indima, kodwa mna ndicinga ukuba ngotishala ezikolweni ekumele bakhuthaze abantwana babo ukuba bathande ulwimi lwabo.

MN: Yintoni oyithandayo ngolwimi lwesiXhosa? FM: Eyona nto ndiyithanda kakhulu ngolwimi lwesiXhosa kukuba mihla le sidibana namagama amatsha angasetyenziswayo qho, nesithi sakuwasebenzisa sivuselele nabanye abantu batsho basithande isiXhosa sabo.

MN: Izikhululo zosasazo ingaba ziyamenza unako-nako wokuba ulwimi lwesiXhosa lukhuliswe?FM: Ngumba obaluleke kakhulu ke lo wezikhululo zosasazo. Ndicinga ukuba azenzi ngokwaneleyo ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa. Ndikhe ndive maxa wambi kwiintengiso zethu kusetyenziswa abantu abangengomaXhosa kodwa intengiso yona ibe isisiXhosa. Andazi ke ukuba imfundiso iphi na apho ngoba mna ndibona ngathi sidodobalisa ulwimi lwethu. Nakwimidlalo kooma bonakude. Umzekelo kusetyenziswa abalinganiswa abangeyontetho isisiXhosa kwindawo zabantu abathetha isiXhosa. Andiyikhumbuli ke ndiyiva isenzeka le nto kwezinye iilwimi. Noko ndicinga ukuba le yindlela nje yokudodobalisa nokujongela phantsi ulwimi lwethu.

MN: Uvakalelwa njani xa ubona umXhosa othi akasazi yena isiXhosa, sinzima, sinzulu njalo-njalo?FM: Kuba buhlungu kakhulu ukuva umXhosa wakwaXhosa esithi akasazi isiXhosa. Loo nto indenza ndizibuze ukuba ngaba liyaphi eli lizwe. Ngoba umntu ufanele ukuzingca ngolwimi lwakhe. Mandenze umzekelo, xa usiya kwiphondo apho kuthethwa olunye ulwimi wena ufike uthethe isiNgesi, ngubani ozokuthathela ingqalelo njengomXhosa? Uphelele ekuzichazeni ukuba ungumXhosa kodwa ulwimi lwakho luthetha enye. Kubalulekile ukuba sizifunde ezinye iilwimi, kodwa masizingce nangolwimi lwethu lwenkobe singamaXhosa. Andiqondi ukuba ukho umntu owakhe wanzinyelwa lulwimi lwakhe azalelwe kulo, ngaphandle kwabo bangazimise langa konke-konke ukufunda iilwimi zabo.

MN: Ikho imiceli-mngeni ekhoyo malunga nolwimi lwesiXhosa?FM: Ikhona imingeni ejongene nesiXhosa. Abantwana bethu ngoku bafunda kwizikolo zabelungu apho singafundwayo khona isiXhosa. Nabazali babantwana babonakala bengasinanzanga isiXhosa, ngoba umzali naxa engxolisa umntwana wakhe okanye encokola naye, ukwenza oko ngesiNgesi. Ngoku isiXhosa sixutywa nesiZulu ungayazi neyona nto yenzekayo.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ20

UBUZALIMvakalisi Edi

Usana olutsha luzisa uvuyo nemincili Kuyiyizela abafazi, ukhwelo emadodeni, bagule abafana Luvuyo nokucwayita komncinci nakomkhulu

Libhongo neqhayiya ebazalini Wofika besithi: “Le yindlalifa yasemathileni” Yanda intsapho ukuba yindodana Waphela umzi ukuba yimazi apha Kodwa kukwanda kwenkomo kwelikhaya Ezi zingcingane zovuyo kumzali Obu bubuzali

Hayi ukubila usoma Yimizamo nemigudu Luncumo ukuba ubona belala bedlileUkubalisa ngabo, nokubabona bekhula Mvekundini enikwe imfundo nothando bubuzali

Ukubonwa ugula yaye uxhwalekile Kusika inimba Kaloku obu bubuzali Xola ndilale ndingatyanga kunokuba Abam balale ngendlala Anga ngamazwi obuzali Ukunxiba kosana lwam Kulunge ngakumbi kunokunxiba kwam Oku kukuncama kobuzali

Yini na ukuluma kwesizalo sam Umqwebedu neliva enyameni yam Ukulahla imfundiso zam Ukuhambela ezindleleni ezimbi Imikhuba eyonakalisa intliziyo yakho sana lwam Mikhuba leyo ebulala intliziyo yamNdikhulile ndinemibimbi Undibona ubugqwirha Iintsizi nezikhalo kum Ukuhlupheka nokuxhwaleka kokwam Ndama ndivuka ngenxa yakho Iyonke lonke uhleli emhlana Unditya okwexhalanga Ashiyeke umzimba urhawuzela Ongathi ndityiwa ziintakumba Ukuthi loxo komzimba ndixel’ inj’ endala esandozalaNdisuke ndafana ne-emele Engenanto ukuxokozela Usizi eluntwini Amabhongo atshabalele Lufile usana lwam Ndokukhala ndilile, bubuzali Ewe ndingumzali Kunjalo ke ubuzali mzali nesiphelo.

21 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

ZIBUYIL’ INTW’ EZINKULU KWELENGOLOVANEDouglas Ntuli

Ihambe iwatyekeza inqwelo yamahili-hili amakhwenkwe kwezofama zinxuse idolophana yaseMnyameni, kodwa iqela lokugqibela latyekezwa kwifama yaseDebera, iyimincili yodwa kubazali bala-matyendyana. Ayelapha kwelo qela amawele asemaSukwinini, uNcedile noZincedile izinto zikaMati, uyise owayenguNdomelele igama.

Babekhangeleka besegazini oorheme, kucaca ukuba inyula nontshayi-tshayi ebengadluli nje kwezabo izisu, kananjalo nemali beyiphethe ngeengxowa. Kwakumnandi kwelikhaya ngezintsuku, kutyiwa ooni nooni, umxhaxha, nengxangxa usabekelwe ecaleni ngumlisela nomthinjana.

Ziquqile iintw’ ezinkulu kwaTebha, ziyikhupha ziyikhuphile imali, kuthengwa oozibhayisikili, iigumba-gumba, njalo-njalo. Kwakufanele ukuba bezithengile iibhayisikili kuba kaloku idolophana yaseMnyameni yayimalunga neemayile ezingamashumi amabini ukusuka eDebera. Afike ngexesha elimnandi lamawele kuba kaloku yayilixesha apha abamnyama babevulelwe bangene, baze bathenge enkanti udlomdlayo. Kwakumnandi nakoomahlalela, ingakumbi ngeempela-veki, kuba kaloku utywala baseMlungwini babungaqhelekanga kubo, iyiqhilika yobusi eyayisaziwa phantse kuzo zonke ezoo fama zingqonge idolophana yaseMnyameni.

Amaqela ebhola kweloMntla Transivali ayelila ezimantshiyane ukuphelelwa kwalamawele yijoyini, kuba kaloku ayengoo phuncuka bemphethe kulo mdlalo. Kwilizwe lakwaMlungu azimanya neqela ekwakusithiwa yiSwallows kumgodi i-Evanda. Emka kweli lizwe laseMlungwini ezibalule kumdlalo womboxo.

Ukufika kwawo la makhwenkwe zaba ninzi iinguqu ezenzekayo kwezi fama, ingakumbi kwezenkcubeko nezithethe. Ilinge lokuqala kukuphelisa umdlalo weentonga owusele usube imiphefumlo emininzi yamakhwenkwe, owawuqhebeka ngeemini ezithile xa kuxhelwe inkomo emzini, okanye ngeemini zemitshotsho. Onke amakhwenkwe kwakunyanzelekile ayekubetha iintonga ngosuku lwangeCawa, emva kwamacongwane namaduntso, okanye emva komtshotsho owawubanjwa ngokuhlwa kwangoMgqibelo, kuze kusasa ngeCawa ibe ngumdlalo weentonga.

Ilinge lesibini kukuphelisa imitshotsho, kwaze kwasungulwa iikwayala ezazifumana ithuba lokukhuphisana ezikonsathini, ndithetha ntoni, amakhwenkwe amadala ayekhuphisana ngo-Do abasityhakala, esitsho ngaloo ndyondyo ingaqeqeshekanga. Laye lasungulwa nalo iqela lombhoxo, Black Pirates, elathi lenza eyona nguqu inkulu kwezemidlalo, ndibala ntoni, zazilapho izinto zooMabhuti, into kaNtuli, uMkhwabela, igwangqa elalitshatshile kumbindi webala, likhaba ngawo omabini amanqina, into zooKorte emaTshaweni. Uthe uphela unyaka labe eliqela seli saziwa phantse kulo lonke elaseMnyameni, iinkonjane zasedolophini, Swallows, ziyalazi eli qela. Iintyatyambo zohlobo, Summer Roses, nazo ziqhubisene neli qela.

Kuyacaca okokuba lamawele ayemfuzile uyise into kaMati, kwaGotyana, owakhe wadlalela iiNgwangwane eMduluswa kwelaseBhayi. Kwanamhlanje nje zonke ezoo fama zingqonge iDebera ziphumile ebumnyameni kwaye zisesendleleni eya elukhanyweni.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ22

INTLALO NGOKWENKOLO KWIDOLOPHU YASE BHAYI

Isincoko ngobume beeCawa nentlalo yabantu. Iifoto zithathwe

zalungiswa nguMxolisi Dolla Sapeta

23 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ24

25 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ26

IZENZO ZOMZIMBAAthenkosi Nyembani

Ndigaqile ndaqonda ndaqikileka Ndaqaba-qab’ umzimba ngamagama Ndombath’ ilanga ingubo yehlobo Ndachubek’ okwentyatyambo esingeniNdisisivotho-vothwana sesandana Ndinkenteza kabuhlungu Ndide ndikhuphe nabantu ezindlini Ndidala noxolo kubunzima endikuboNdiyichola-chola yonk’ indawo Kodwa ndimi ndawonye Nezimanga zomhlaba ndizifunde ngomzuzu Nabantu ndibazi ngala wam amehloNdingqubeka kwiinkcasa ezininzi eziyantlukwano Eyekhala indifaka esihogweni Kanti eyobusi indakh’ ubuntu Ndangcamla ngolwimi kwacaca ncakasana ngcaEmini nasebusuku andidinwa andilali buthongo Ndiqwabaz’ ameva neenkunzana kwangezi nyawo zam Kuyaphikiswana ileli lithi ndim phambili Kowam umzi nomzana akuhanjwa kungadinwaXhakamfu ndixhwil’ oko kuphambili kwam Ndamkela nabangaziwayo ngombuliso Ndidala nokufa ngokwenza Ndiwuchitha umzi sele umile.

27 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

INGCWABAAthenkosi Nyembani

NguSathana ongenasizi Ongaqiqiyo xa esenza izinto Wenzela phandle engenazintloni Awunamntu umoyikayo ufak’ iinzipho zezingxaUvuyelelwa nangubani nayimbuzane Abancinci nabomthinjane Bangena ngenkani kononyongo Badlisela ngesibindi sendlovu Inkathazo yehla kuhlekwa Kwelokhaya lingenantloko Liphathwa nalusan’ olubomvu Ludlisa nakuthathatha Izigulo ezininzi zivela ngawe Ezehl’ engqondweni Zingayilibali nentliziyo Efa ngomzuzuUshiya izililo ngasemva Zidl’ ubuhlungu Neencwina eziqatha Ezilalisa ngophothoKufa ulikhaya kulomzi weziyobisi Ingcwaba ulenza kuhlekwa Uthath’ umntan’ omntu umfake kulo mngxunya Ungasizeli omdala nomncinci Baselubalweni lwakho.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ28

PHAPHAMANIAthenkosi Nyembani

Bethani ngobuchule maciko Nicikoze nide nivunyelwe ziintaka Ziniculele ingoma zootyhatyhiwe Zithi namhla impucuko isondeleKukutya kwempaphamo kaloku Mawachasele amagwala abaleke Azibelek’ emqolo ezonyawo Inyembezi zimpompoz’ intw’ enganasipheloLixhentse lizombela ixhego nexhegwazana Okwemvumi eyaziwayo Phaphamani sizwe sakowethu Ndithi phaphamani ma-Afrika amahleNamhla isizwe sikekele Sixel’ unonkala size ngecala Namasiko adukile okwezinyo lenkukhu Phaphamani bantu abantsunduIsithethe sakwaXhosa siphangalele Namhla sivungul’ impucuko Masibhinqeleni phezulu okwabafazi abanenyongo Sizithwalis’ isidima okwamadoda esintuPhaphamani maAfrika amahle Masicengceleze okwembongi zosiba nomgquba Ngobungcali-buchule Obungangxamiyo bunyathela ngesephuphu.

29 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

IMFUNDO

Athenkosi Nyembani

Ndiwatyhaphazil’ amehlw’ abona Ndayicol’ ingqondo ngolwazi Owam umzi mkhulu Uzele wade wema ngeembamboNdiyihagu ndikrokra noko ndonele Ndisisibane kwezoo mfama zingaboniyo Ndiliyeza kwaboo bagulela impumelelo Ndisisandla ukubambisana noluntuLonk’ uluntu jikelele lombath’ esam’ isambatho Ndifinyez’ imikhono ndisilwa noluntu Ndibahlohl’ amagam’ engqondweni Ngolwazi ndizuza msinyaneNoMongameli baphuma kulowa wam umzikazi Nezifundiswa zoqobo ziqoqwe ndim ingqondo Nogqirha ikwandim umdali wabo Kowam umzi awukh’ umgweboNdigweba ngemincili yodwa Ndihleka ndide ndiqethuke Izidlele zibekude kuncumo Eyam indlela ayinameva ayixinileyoKwixesha lobuxhego nobuxhegwana ndikho Kwinkedama ndim unina onothando loqobo Ndilihobe ukufihl’ amantshontsho kwisangxa.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ30

U-MAASIBHANKA KA-NKEBEZA

Mpumi Cilibe

U-Nkebeza wathi akwamkela imali yakhe emva kokusebenza nzima esomba imingxuma ngepeki wacinga ngento amakayithenge yokupheka endlwini yakhe. Wazula-zula ephuma engena kwiivenkile zase Korsten wade wabona ivenkile ethengisa intlanzi ekrwada, wangena apho. Wema uNkebeza phambi kwe-fridge enegilasi ebonisa ngentlanzi leyo ithengiswayo wabuka, umlomo wakhe uvuza amathe kukubawa.

Wakhetha eyona ntlanzi inkulu ebizwa ukuba nguMaasibhanka, wayithenga. Intlanzi yasongelwa ngephepha. UNkebeza wayithatha, wabulela, wandula ukukhawuleza ukuya kukhwela iteksi egodukayo.

Ekufikeni kwakhe endlwini uNkebeza wafaka intlanzi leyo esityeni, wagalela amanzi, wayikaraba ngemela yakhe ebukhali. Krhwaap – krhwaap – krhwaap, wakaraba uNkebeza uMaasibhanka wakhe, wawalahla amanzi amdaka edreyinini, waza amaxolo entlanzi wawaphosela ikati eyayijikeleza apho ibawa. Isitya esinentlanzi wasibeka phezu kwebobosi lakhe efuna ukuba yome intlanzi phambi kokuba ayigcade nge-oyile.

WahambauNkebezaezamaukubethwangumoya;waphumaengena kwimizi enemigidi ethoba unxano. Wathi akukhumbula intlanzi yakhe efuna ukugcadwa wakhawuleza wagoduka. Wafika uNkebeza ikati ebeyishiye izula-zula xa kanye igqibezela ukutya uMaasibhanka wakhe phezu kwebobosi. Wazithwala entloko izandla zakhe wakhala: “Owu uMaasibhanka wam!”

Yatsiba ikati yabaleka, yakhwela ethangweni yagoduka. Yashiya amathambo entlanzi kuphela. Wayilandela uNkebeza wayibona apho ingena khona naye waya kungena apho kowayo, kwabawo uNoqothoyi, ecaphuka. Wafika apho uNkebeza ubawo uNoqothoyi ehleli ethengisela evenkileni yakhe, wathi: “Uxolo torho Tata, ikati yakho itye uMaasibhanka wam!” Waphendula utata uNoqothoyi wathi: “Ikati le ibingathunywanga ndim!” Wabuza uNkebeza: “Ubungena kundibuyisela oku kwemali yam ndizithengele torho into yokutya ke?” Waphinda waphendula utata uNoqothoyi wathi: “Hayi, ngoba ikati le ibingathunywanga ndim, kwedini!”

Wemka apho uNkebeza umlomo uxwebile kukulamba oku. Ikati yayithe ngcu phezulu ethangweni isula-sula umlomo wayo imbukele, ixolile, ihluthi kamnandi.

31 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

AZI ULINDE NTONI NA? Madoda Ndlakuse

Inyani mayithethwe ngelayo ixesha Qho xa ndiphos’ iliso lam kuwe Ndivela ndinqaphele ukuphefumla Qho xa ndikuwolile Izandla zam Zixuthelwa awazo amandla Azi ulinde ntoni na?

Undikhanyisela njengenkanyezi Umlambo wothando ugcwele nto nje Awukandiwezi Nakowenu anikandiwezi Azi ulinde ntoni na?

Uthando lwam kuwe Lunjenge Ntab’ eTafile KwiKapa lodumo Ndithi mandihlabe emxholweni Ndiyindoda elithintithaAmazwi am awayikubancasa ncam Sekunjalo ndithi khawuphothe Le ngcamango Nceda xabisa imizamo yam Ndixolele ngeempazamo

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ32

Lukhanyo Sifo

NAM NDICELA UTHANDO

Emini emaqanda ndililanga lakho elikhanyayo Ebusuku ezinzulwini ndiyinyanga yakho ekhazimlayo Ebusika kwinkwanca yengqele Ndisisambatho sakho esifudumeleyoEhlotyeni kwingqatsini yelanga Ndingula moya wempepho uhlaziyayo Ebumnandini nasebubini Ndilubambo lwakho oluqinileyo.

Bekunokubanjani ukuba besinokwazana banzi? Ndikondlalele ukhukho ndikuphe izipho Negama elitsha Ube ngumama kasiQhamo wam Sibe nabazukulwana ababaleka okoonojubalala.

Andidlalisi ke ubonanje Ngawe ndixolele ukujinga iliso Ndisuswe indlebe Ndikrazulwe imilebe Ndityakatywe nobuso.

33 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

KUDLIWANO NDLEBE NOATHENKOSI NYEMBANI

Imibuzo nguMadoda Ndlakuse

MN: U-Athenkosi Nyembani lo ngubani, ezalwa phi?AN: U-Athenkosi Nyembani uzalwa kwilali zaseQonce phantsi kwelali zaseMxhalanga, kwilali yaseMagqobhokeni. Ndingumntwana womgquba ngosiba nangokubonga.

MN: Xa ndithetha ngolwimi lwesiXhosa usuka uchulumance, wenziwa yintoni?AN: Ulwimi lwesiXhosa luyamakha umntu nokubana kakade ungubani, waphi, ezalwa ngubani. Ulwimi lwesiXhosa alunasiphene, lolwenkobe. Ngxebe! Tshotsho!! Ngxatsho buyelani embo bantwana begazi, bantwana bomthonyama, zisele ze nyathi. Thobani ezoongqondo zilukhuni! Namhla nesizwe sikekele sixelunonkala. IsiXhosa sijongelwe phantsi. Thina lutsha lwanamhlanje sithi asinampumelelo ngaphandle kwesiNgesi. Mna Athi ndithi IsiXhosa kum yimpumelelo njengokuba ndathi ndiphum’ amazinyo ndaqala nokuthetha ndathetha isiXhosa. Yonke into ndiyenza ngesiXhosa, nebala lam lelomXhosa, Iintsundu lindixela ukuba ndingumXhosa. Masilithandeni ulwimi lwethu kuba nalo lizakusithanda.

MN: Kutheni usithanda kangaka nje isiXhosa? AN: Into indenza ndisithande isiXhosa kaloku kukuba isiXhosa lulwimi lam endaluncanca ebeleni luka-Ma, kwaye lulwimi olundivelela ngezimvo ezininzi. IsiXhosa sindinceda ndiveze isakhono sam kwizibongo, kwiincwadi, nasekubhaleni amabali amafutshane. Ndikwayiyo nembongi ephum’ izandla ngenxa yolwimi lwesiXhosa.

MN: Ikho imiceli-mngeni umbhali wesiXhosa ahlangana nayo?AN: Mininzi kakhulu. Kukufakelwa iminwe ngabo bakuncedisayo kulwimi lakho olubhalileyo, bathi besakuncedisa njalo balubone ukuba luvuthiwe alukufanelanga wena mntu walo, balujike balwenze olwabo. Ngamanye amazwi baye babe umsebenzi wakho baxele ukhetshe esiba amantshontsho. Thina sethuka ubhalo lwethu lupapashiwe ngaphandle kwemvume yethu, phofu sele kusithiwa lubhalwe ngabanye abantu. Lubiwa kwangulomntu ebethe uzokunceda akupapashele. Isihloko sesam, indlela yokubhala yeyam, umba ngowam, amagama ngawam, ze ke igama elibhaliweyo lombhali walomsebenzi ibelelesela elo. Nantso ke imiceli-mngeni ebuhlungu esidibana nayo, ukungahlonitshwa kweenzame zethu njengababhali.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ34

QABUKANIVictor Mguzulwa

Saqabuk’ ekungqengqeni sagqiba Saqubul’ iminqayi yeminquma Saqhekez’ iqabaka kaqaqaqa Saqabel’ umnqatsa weqhinaQakath’ enqileni kuqulunqwa Kwaqatshelw’ isishiqi senqontsonqa Inqambuzan’ eqaqambis’ ingqondo Kwaqhwatywa ngesigqibo senquboIingqondi zaqokel’ ukuqononondisa “Ukonqena ngumqob’ oqatseleyo” Saqala sangqina siqinisekile Iqaqobana laqumba liqhankqalazaInkqubel’ isekuqinisen’ umqolo

Sawaqond’ amanqakw’ aqaqambileyo.

OOMATSHONISAVictor Mguzulwa

Nab’ oongxowa-nkulu,BejijithekaNab’ oohlohlesakhe, tyhini!Begqotsile.Nab’ ooziswana zibomvuBenyalasaNab’ oongxow’ ayibotshwaBesindasindekaBaphang’ ilifa lamahlwempuBezenzel’ ubuncwane ngenyembeziBagcwalis’ iitasi zabo ngobuxokiBefez’ iinjongo zabo ngobuqhophololoSabhang’ isizwe ngenxa yaboZaphel’ iintsapho ngenxa yaboKwagqub’ ubundlobongela ngenxa yaboZiincukuth’ ezidl’ igaziLabamsulwaLatsaz’ igazi laphalalaZe zahluth’ iingcukaSiph’ isazela senuMikhanzi ndini?Aninaluvelwano yini naMakhalane ndini?

35 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

INGXOKOLOVictor Mguzulwa

Iliwa libhek’ umoya Zintaba nenduli zibharhile Zintlambo nentlanjana zomile Amahlathi namathaf’ atshileZiingozi zisub’ imiphefumlo Ziimfazwe nemilo zibasele Zizif’ ezinganyangekiyo ezingubhubhane Yimpixwanw’ erhawuzelis’ amakhwaphaZiintsapho zivukelana zodwa Ziintlanga zinyembana zodwa Ziinkokheli zikhomban’ esweni Ziingxaka zigxobh’ inzoloMusan’ ukuphalaz’ igazi zizwe Manyanani nibeluqilima Musan’ ukwenziw’ iintsalu Xhawulanani nimchas’ uMtyholiIkratshi nempakam’ azilutho Ukuthobeka nesidima ngundoqo Buyelan’ embo niland’ ubuntu Kuthinya;cwaka;zolengengxokolo.

NKOKHELI ZE-AFRIKA Victor Mguzulwa

Zingxoxo kuxhatshw’ amagwebu Zingxaki kuxhatyashiwe Zinkokheli zididekile Uluntu lungamatasa-tasaBubugxwayiba buyaxhwalekisa Yinkxwalekw’ enxunguphalisayo Yimbudu-mbudw’ edakumbisayo Yintsinda badal’ ekhwankqisayoLuloyiko luyaphakuzelisa Ludandatheko luyatyhafisa Ziziphithi-phithi neziwili-wili Zinkokheli ziphatha-mandla nithini na?Siph’ isisombululo zinkokheli? Uph’ umkhomba-ndlela? Luf’ uluntu zimbambano? Bunqanden’ ubutyhakalaCiman’ umlilo wedobo Hleze sitshabalal’ isizwe Ciman’ umlilo wedobo Hleze lumanyan’ uluntu Lwakh’ isizwe.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ36

IZIYOBISI Victor Mguzulwa

Ngubhubhan’ ogqib’ isizwe sonke Ligongqongqw’ eliginy’ ulutsha lonke Ngumonakalis’ ingqondo Lirhamncw’ eliqweng’ intsapho Ngumduba-dubi wenzol’ ekhayeni Lif’ elimnyam’ elithwel’ isicothoNgumnyash’ ocinezel’ ingcamango Ngumaphephethekis’ ophuthis’ umbono Ngunozala weembambano nemibhodamo Ngumlahlekis’ ongenalusini natarhuZinga ziyonwabisa kanti ziyayobisa Azizi nampucuko koko ziza nempuncuko Kuphoncuk’ izimilo kuvel’ uburhalarhume Kuphoncuk’ ucoceko kuvel’ ubuxelegwana.

IXHALA Victor Mguzulwa

Ubungxwayiba buxhalis’ Isixeko Iingxelo zixel’ InxwalekoAmaxhegw’ axox’Iingxoxo Ngamaxhaphetshw’ iingxaki ZingxamileAmaxhwel’ axakekile Yimixube Axhinel’ ukuxhamla NgamaxhobaXhosa waxweb’ Uxelani Ngxengxez’ uxolelwe NgokunxaxhaSixumeni manxusa Ngenkxaso Umxhaxha nomxoxoz’ UxhaphakeXabisanani nixhawulane NingagxekaniGxebe nxiban’ Uxolo.

37 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

MPHATHISWA OBEKEKILEYOPumelelo Antony

Enkosi Mphathiswa obekekileyo Enkosi Ngokungandiseso.Enkosi Mphathiswa obekekileyo Enkosi NgokundilibalaOkwasemaphupheni mandulo Ngeba ndandifak’ inkomo, Ndihlala kwipomakazi, Ndiqhub’ umnyobo, Ndiphil’ okwesinhanha.Kodwa inene Mphathisw’ obekekileyo Kukuxakaniseka Okundiqhubela kunoNyanga Nangona ndingxolelwa liphango.Bandikhomb’ umnumzana, Bandibiz’ umfundisi, Balath’ umhlekazi, Babon’ uTishalaKodwa Yindlamanzi yenxila, Lizuma lesidlwengu, Yinkintsela yeqhetseba Ulunt’ elimbonayo.Nok’ abanesibindi Sokuzibiz’ iz’ fundiswa Ndincedisile ukunakha, kodwa Nonke nincedisan’ ukundidiliza.Yini Mphathiswa yini? Rhoqo ndakuyinyova Rhoqo ndakuxhentsa Soloko iyimband’ es’ khova ?Enkosi Mphathiswa obekekileyo Enkosi NgokungandisesoEnkosi Mphathiswa obekekileyo Enkosi Ngokundilibala.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ38

MPHATHISWA OBEKEKILEYO AFRIKAJessica Mbangeni

Afrika nozala wama AfrikaAfrika nozala womzoNtsunduAfrika nozala womlisela nomthinjana we-Afrika

Zifikile izikrelemnqa zinge zize kuzakuzaZizenza oonozakuzakuYangqisha intomb’ enkulu yakhaba ngawomane yalan-dulaAbhuduzel’ amabhedenguEbhud’ ebhabhama exel’ umbhaliWasuka wabhebhethaEbekulukuhla ekulahlekisa amalokonyaKodwa awayilahla imbo yakho ngophoyiyane

Bebekudova-dovaBekunyathela bekubiza ngenkqantosi Mhlab’ omnyama mhlaba wookhokhoMasimi aluhlazaMasimi achumileyoAchunyiswe kukuzingca nebhongo lama-Afrika

Kuni ke ma-Afrika ndithi: Huntshu!Ngenxa yokumel’ inyanisoNendzondelelo yokugcina uzinzo lweAfrikaKuba lomhlaba nalamatye nditsho iGolideNeSilivere inkazimlo yazo ibingenakuthi hayi xa belirhutyula abarhwaphiliziElixhaphaza amaxhalanga.Qhubekani zintondini nani zintokaziNize nimthobele uThixo woyihlo mkhuluUHintsa, uPhalo, uRharhabe, uNgqikaNgokuba liwe phantsi iqhinga likamtyholiOwabonwa ngumprofeth’ uNtsikana emdudweniElokuba nakugqilazwa nenziwe amakhobokaYilamigegemba yambabhulempuAmahilihiliAmatshivela.

Rholihlahla ntokaMandelaSithi Bayethe kuwe liso lezuluWen’othwel’uthuthu lwezitho zengwevu zangaphambiliOo-Mxenge, oo-Steven Bantu Biko, Chris Hani, Robert Sobukwe,Govan Mbeki, Chief Albert Luthuli

Nilurholile uhlahla lwentlonipho yokuhlonitshwaKomnt’ omnyama kwilizwe liphelaNilurholile uhlahla obelufudula lurhwatshilizweLwaza lwafunyanwa ebuhlungwini betyhefuYerhamb’ elimnyama labentlanga.Mhla uzakubhubha MadibaUze uncede ubize mna loNdiliGubevukazi ndawufela indawo yakho.

Isizwe sabaThembu siyandingqinelaNditsho umlambo uMbhashe ingxangxasi zeTsitsa ziyandivumelaZithi: AAAAAAAAAh!!!!!!!!!!!!!Dalibhunga!!!Ndegram!!!!!

39 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

UMKHOMBE WASEMAPHUNGUBWE

Jessica Mbangeni

Mathongondini sinonileMathong’ okhokho awafumani kuphumlaMathongo ayagqum’ encwina kuloomadotya aseMaphungubweNgubani na obenokuzidela onyuk’ iminqantsaAnyathele kuloo mhlaba wobungcwalisa?Ngubani na obenokuzincamaAlahle impakamo asiphathele ityeya yemvelaphi yethu?Nako ndisimka nomsinga kaBuyel’ ekhayaNdirhangqwe ngamathambo kuloomadlak’ eziKumkaniEzaphathisizwe ngesidimaUmntyangampo kuthuthu lwamathambo eziKumkani nezanuseLwarhiph’ ulumxheloNdee xhungu ndade ndanga ndiyadengaAgxwal’ amathambo ngesimbononoKugquma kwamarhamncwa akhohlakeleyoKulomhlaba yhini na?Marhamncwa amehlo aluhlaza yhini na?Qhenkqe lini na eli nilisasazayoYingqumbo yeminyanya yhini na mzi wakowethuSisibetho sokhokho yhini na madodaKwowu! Bayaphi ubuNtu?Sayaphi isazela?

Kanti umkhombe asinto yakuhlonitshwaSusuke ubulawe nje nokuba ngubani, nini njani?Suka ugumpule nje uphondo!I-BuyaaaaMbo! Mzi wakowethuMakuvuswe amathambo kaHintsa kaPhalo kaKhawuta kaRharhabeKaNgqika, masiwele uMbashe siye kubiza uNongqqawuse,Masime phezu koTukela sibuze kuNomkhubulwane,Masinyuke intaba siye kubuza uMoshweshweUphi uMujaji? IKumkanikazi yemvula!Masisile zizalise iingqayiSihlanganise iingwevu ooCredo Mtwa noNelson Rholihlahla MandelaIinto ezinamava zihlalutye elinyala liqanduseleyo

Kaloku uphondo loMkhombe luchaza impatho yeKumkaniIndlela esikhusele ngayo isizwe sayo.Umkhombe bubutyebi bemvela phi yethuNdingathetha ngophondoWena uthethe ngezithoNdingathetha ngokubhodlaWena uthethe ngamathatha ayoSidlelana neMikhombe ngendlela ezahlukeneyoKodwa uMkhombe uthetha namUthetha naweUthetha nelizwe liphelaUthetha nathi sonke.

Yiyo ke loo nto ndisithiYhizani nonke siphefumlelane kulo uphawu lomnqophisoWakwaNtuUkuze sizifumane ukuba singobani nobungakananiBobunganga boxolo obuqulathwe ziintiliziyo zethu.Mayiphile ngonaphakade iMikhombeNgokuba iyinxenye yempilo yethu nezizalwana zethu.

Masiy’ eMbo!

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ40

UKUBALULEKA KOLWIMI

Luckeez Mfowethu

Masikhumbuleni sisasuka ukuba ayikho into ebaluleke ukogqitha ilifa. Izizwe zonke ezikweli limiweyo ziyayazi lenyaniso. Ulwimi, umhlaba, inkcubeko, ngamafa abalulekileyo eluntwini jikelele, kodwa ke isicatshulwa esi singqamene nolwimi. Ilifa lizisa isidima. Isidima sizisa ukuzithemba. Ukuzithemba kubalulekile ngoba kwenza isidalwa esinomqolo kuloonto siyimeleyo, nesithenjiweyo ngabo babukeleyo. Ukuba ubani uthe wadlala ngelifa alishiyelwe ngabazali bakhe, uye angabi nasidima ekuhlaleni kwaye angabi nakuthenjwa ngabo amelene nabo. Uye futhi abesemngciphekweni wokuba lixhoba lokuxhatshazwa ngenxa yobuze bakhe. Mandiyiphunge iseshushu ke gwalandini. Ulwimi lukwahlula kuzo zonke izizwe ezikhoyo emhlabeni, nto leyo ekunika umhlaba nethuba lokuba nento oyaziyo ukuthi yeyakho kwaye ungazidla ngayo de uphile nokuphila ngayo. Ezinye izizwe ziyawazi amandla ale nyaniso, de aqinisekisa ukuba iilwimi zabo zibenobungangamsha kunazo zonke ezinye iilwimi. Umzekelo ophilayo eMzantsi Afrika sisiNgesi. Amanye amazwe anamandla afana neChina, France nooJamani awagungqi ekusebenziseni nditsho sele bethetha kumaqonga ampompoza kumhlaba jikelele. Baxolele ukuhlawula itoliki.

Ulwimi ke lubeleka inkcubeko. Xa ubani ethe wakufutshane nefuthe lolwimi oluthile uye abe nazo nezimbo ezithile zabo bantu bathetha olo lwimi. Akukho nto ityhulu ke kuloo nto nto nje iye ixhomekeke kubani lowo uba ezo zimbo uzisebenzisa ekuphuhliseni isizwe okanye ukuchitha iinzame zesosizwe sakhe. Ukuzidla ngolwimi lwakho kubangela ukuba umntu obukeleyo azidle yena siqu, aziphuthume engalandwanga. Umntu ozidlayo ngento yakhe kaloku uyakhuthaza kubantu ababukeleyo. Bayadingeka ke abantu abazidlayo ngoba baza nesidima esizweni.

Ndiyawuva umbuzo wakho lawundini kuloondawo ukuyo othi: Abantu ababandezeleke ngokuthetha nokuva ke ngoku bona uthini umcimbi wabo ngoba kaloku ulwimi lokuthetha ngezandla lulungiswe ngesiNgesi ikakhulu? Loo nto leyo iye isivezele okwekati emhlophe ehlungwini ukuba ukhona umahluko phakathi kolwimi nesigama. Ulwimi sisigama esikhatshwa yindlela ethile yokucinga. Umntu ozidlayo ngolwimi lwakhe uye akwazi ukuba nezinto ezithile azaziyo ngaye ungakhange umbuze, de nibe ngabahlobo kuba uve ukubetha kolwimi lwakhe uba angangumhlobo kuwe.

Masizilondoloze iilwimi zethu. Okubaluleke nangaphezulu kukulungisa iindlela zokucinga ngoba kaloku yindlela ocinga ngayo ezakwenza uzidle ngolwimi, imbali, nenkcubeko yakho, umhlaba wakho, isiqu sakho nabantu abakufutshane nawe.

Isidima akuziniki ungumntu, usinikwa ngabanye abantu ngenxa yendlela oziphethe ngayo. Ukulon-doloza ulwimi lwakho nezinto ezingqamene nalo iba yenye yeendlela ubani abenokufumana isidima kwabanye abantu. Masisebenziseni ke elo thuba ngoba isidima njengayo nantoni na siyosulela. Isizwe esizidlayo siyabukwa zezinye izizwe. Masosulelaneni ngokuzidla ngeelwimi zethu sibe sisizwe esinesidima phakathi kwezinye izizwe.

Mandibulele amaziko emfundo ephakamileyo afana ne-Nelson Mandela Metropolitan University eBhayi, ne-University of Fort Hare eDikeni ngokundimema ekuphefumlelaneni nabafundi ngalo mba wokubaluleka kolwimi. Ndibulele kwananjaqo iKotaz ukundipha ithuba lokuphosa igada endimeni. Kubo bonke abazabalazela ukuvelisa isidima seelwimi zakuthi ndithi makwande.

41 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

UBUBI BOMNTUMxolisi Nyezwa

“Umntu unzulu ufana nolwandle”

Umntu endingamqondiyoRhoqo uyacebisaUngqina akubonayoNobubi baboAcebise ngokunjalo

Ungqina okwenzakayoEyedwa ethule cwakaUbomi buyaxakaUdubeka ngaphakathiEmazantsi ekhathazekile

Kukho nto ingaginyekiyo ebantwiniEswantsulisa maxa onke bonk’ abantuUbugwenxa bephanyazoUbubi bomntu komnye umntuNobomi obufunzela ebumnyameni.

IMIBONGO YAKHOMxolisi Nyezwa

KuM.M. - isihlobo esadlulayo

Wawufuna ndishicilele incwadi yakho yemihobeNdandilihlwempu ndibhangileImibongo yakho yesiXhosaIyakuhlala ihleli

Wabhala ngobomi bakho kwaNomngqongqoUngayanga apho ngabugorhaUliqaba ngemfundo nobungcaliZona zikratshaza iintliziyoMini zonke

Ntsuku nje isidudu siphekw’ eminiUhlanga lomnyama luty’ amadonkiIntswela-mbeko NembulalekoYintshinyela okotyaniEmhlabeni.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ42

IPHUPHAMxolisi Nyezwa

Ndeva ilizwi emaphupheni ndileleYayingumntu omemezayo“Ndiyeza! Ndiyeza!Emlilweni Phezulu Ndiyeza!”

Ubusuku babunyanyilePhandle iliqabaka“Ndiyeza! Ndiyeza!Emlilweni PhezuluNdiyeza!”

Kwilokishi ekhayaApho ndizalwa khonaKubuthume ishwangushaIntlupheko nobundlobongelaObungenambaliso. UHAMBO OLUDE

Mxolisi NyezwaUbomi yindlela ebhekisa kuNgcwele kaNgcwele

Kumzimb’ udiniweAphw’ isimbonono somntu singazelwe bani

Isono sihlanjwa ngeenzipho zegaziNegazi lo mithiyoKwanja zoth’ umlilo -Kub’ uzakuthini?KwaMfe nakwaNoziqhamo -

Apho sivela khona thina sisonkeUbomi luthuthu lwenyanga entshonalanga

Ubuthi benyokaEcaleni kwendlelaUbomi ligugu lerhambaUvimba wentiyoUbomi kukunyathela nzimaUbheka phambili

Ubomi kukuhlupheka ngaphakathiUbomi kukuhlalutya utyaniUbomi kukuphambuka endleleniUbheka phambili

Naku ndisalaBabheka phambiliNaku ndisilelaKusithela nenyangaYendlala

Naku ndisalaBesiya phambiliNaku ndisilelaKutyhileka nelangaLeZulu.

AKUKHO SALHUKO

APHOMamtika Pakade

Ndiva umvandedwa ngaphakathi kwamNdiva intliziyo yam ibetha ngaphakathi kwamNdibambe ngezandla zakho ezishushuNdange ngeengalo zakho ezinkulu

Ndibabonile abantwana bedlalaNdibajongile bebambene ngothandoNdimile ndabajonga ndanqwenaNdanqwenela ukuba nje ngabo

Iinyembezi zisoloko ziphumaUkulila andikunqweneliUkulila kuzisa ukunxunguphala.

43 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

ULWIMI LUKAMAMGOBHOZIMpumi Cilibe

UMakhulu uMamGobhozi wayekholwa kukuma efestileni yendlu yakhe ngaphaya kwe-lace curtain, ajonge wonke umntu odlula ngendlela. Loo nto iyodwa nje ibingento inamsebenzi: ukujonga abadlula phambi kwendlu yakhe. Kodwa apho ibingento ilungileyo loo nto zizinto ebeziphuma emlonyeni kaMakhulu uMamGobhozi ngamagama abantu. Ebethi akubona mhlawumbi ubawo uMqoco umve esithi: “Kha ukhangele laa nto uQoco iphuma ingena ihamba iphunga kule mizi kodwa amanye amadoda aphangele! Uthi woze asebenze! Hayi sisimanga!” Atsho eqhwaba izandla. Okanye umve esithi, “Kha ukhangele elaa gqwirhakazi uMadlamini, into eyamdlisa yamgqiba kudala umyeni wayo! Indoda esisithunzela esisoloko sihleli ecaleni kwendlu. Uwowu! “Uqhubile ke uMakhulu uMamgobhozi ethetha ngoluhlobo ngabanye abantu sele kukho abantu basemzini abamvayo yena engababoni, yaza le nto yaya kufika kumama uMadlamini le nto yobo bugqwirha bakhe, yamkhathaza kakhulu emphefumlweni wakhe, kodwa wacinga ukuba angacaphuki, wasuka wathandaza.Uhambile umama uMadlamini akumbona ukuba uMamgobhozi akazimiselanga kuyiyeka le ntetho yakhe imbi kangaka waya kuxelela uMfundisi. Wothuka kakhulu naye uMfundisi ukuva into embi ngolu hlobo ithethwa ngumama ohamba inkonzo ngomnye umama okwahamba inkonzo.NgeCawa yangena inkonzo njengesiqhelo, indlu igcwele ime ngeembambo. Wangena uMamgobhozi emva kwabo bonke abanye abantu ekekelise i-hat yakhe epinki enee-flower, echophise izihlangu, etyityimba ukuhamba oku, amehlo abantu bonke ejonge kuye. Yaqhuba inkonzo.Emva kwenkonzo uMfundisi wambiza umama uMadlamini kwanoMakhulu uMamgobhozi ecela ukubabona.UMfundisiubachazelebobabiniukubaubabizelantonina;wabeewuqondaumcimbiuMakhulu uMamgobhozi ukuba ungaye.“Makhulu Mamgobhozi, ingaba injalo le nto ndiyive ngoMaDlamini?” Ubuzile uMfundisi. Wabila xhopho uMamGobhozi, wasula ubuso nge scarf sakhe: “Ewe Mfundisi zikhona izinto endizithethileyo ngoMaDlamini.” “Ingaba ziyinyani ezo zinto?”“Hayi Mfundisi andingetsho.”“Ke uzithethele ntoni izinto ezimbi ngoluhlobo ngalomama usazi ukuba aziyonyani?”“NguSathana,Mfundisi;ndenzwenguSathana!”WantywizisauMaMgobhoziesulaiinyembezi.“Ndicelasiphumephandleokwethutyana;ndilandeleni,”utshilouMfundisiekhokhelaephetheumqamelo. Kwakukho umoyana obandayo ovuthuzayo ngalo mini.Uthe akufika ngaphandle komnyango wecawa uMfundisi wanikezela ngomqamelo kuMamgobhozi: “Ina ke Ma, khangela ezi ntsiba zikulo mqamelo uwuvuthulule!”Wawuthabatha umqamelo uMakhulu uMamgobhozi wawuvula, wawuqubuda, wazikhuphela iintsiba waza umoya ovuthuzayo wazivunguza waziphephethela macala onke zee saa, ezinye zabheka phezulu zaqabela iintango, zemka zaya kude.Wathi uMfundisi: “Makhulu Mamgobhozi, ngoku ndicela ukuba uzichola-chole iintsiba uzibuyisele emqamelweni!”Wothuka uMaMgobhozi ubuso baluthuthu ukuba mhlophe oku. “Hayi, Mfundisi, angekhe ndikwazi ukuzibuyisa iintsiba ngokuba zivuthululwe ngumoya zemka.”“Zinjalokeezizintozimbikakhuluozithethengalomama;angekheuphindeuzibuyiseleaphobeziphuma khona, zimke neendlebe zabantu.” Utshilo uMfundisi.“Ndixolele Mfundisi! Ndixolele MaDlamini andisoze ndibe ndithethe kakubi ngabanye abantu!” Walila watsho uMakhulu uMamGobozi.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ44

MAMPEHLEMzuvukile Manxiwa

Akwaba nathiINkos’ ibinganathiSibenothando ngathiNgu-Unathi.

Olwakhe uthandoAlufuni ndondoLihamba ngomkhondoOkwendlela yempuku.

Imbew’ oyiphiweyoUzunced’ uyihlwayele Yoba sisiboneloEsinentsingiselo.

Ndisabuza nanamhlaBangaphi kulemihlaAbantliziyo inyuluIngenabo ubunzulu?

Umntu akunakh’ umgqibaUyabhida okwesizibaKodwa eyakh’ intliziyoIndivezise amazinyo.

Ngelishwa k’ int’ entleYasuzelwa liqaqaIfana noqaqaqaEgxojwa yinkunzana.

Asoze ndakulibalaNgengqond’ uphangalalaIsandla sakho esihleSihlel’ entliziyweni.

45 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

KUNGCONO KWAFAROMzuvukile Manxiwa

Kuthi mandibelek’ abasicatyana,Ikhaya ndilinikel’ umhlana,Ntonj’andinawonasecepheni;Lindithwaxile nenxele likaKhetsekile

Ndosinga ngaphi na?Ndisuke ndadengeka,Ndayindidi ndadideka,Ndalahlekwa neyokuqala.

Aph’ ekhaya sifuyile,Amasim’ achumile,Nomhlab’ utyebile,Kodwa thina silambile.

LiDib’unobangela;Nababehleli kulooMhlangano,Mhla bapheka baqulunqa, Indlel’ otyela sithebeni-sinye,Esingavunanga nto kuyo.

Ndiyijolis’ aph’ imibombo?Ndiy’ eMpum’ okany’ eNtshona?Ukhon’ umsind’ ozayo,Nozodal’ intshabalalo.

Badikwe yeyokosa -Abantu akude kuse.Kuhlala kusisankxweIphango liyagqugqisa.

Luyathuku-thukuz’ uvukelwano.Ikhukumel’ ingqumbo nomnyele.Unoyikhomba nasemehlweni,Unoyiva nasekuthetheni.

Buyez’ ubutyadidi begazi.Buqandusel’ ubulwanyana.Buphenjelelwa yintlupheko,Esambathe ubomi bonke.

Govanwagwaz’ekhaya;Ngothumel’ uThab’ eNgilani,Unethemb’ oba lichiza, Suk’ ajik’ ayityhefu.

Uze nobuKhapitali,Abufund’ aph’ ekuhambeni,Obunqunqel’egoqweni,Ulunt’ olungathathi ntweni.

Bave bejweda kalusizi“Kungcono kwaFaroNok’ iphango belingenje,Usenzile Demokhrasi.”

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ46

HAYI LENTLIZIYOMzuvukile Manxiwa

Nceda SomandlaNgawakho amandlaUsiqobel’ amandlaAlentliziy’ imandla

Inde ayipheli.Inzulu ayaneli.Sisizib’ icwengile,Nox’ ikhohlakele.

Zingaph’ iintliziyoEbezinovuyoNothakazelelo Wena wazophula?

Kowu! hay’ indoda.Singayithini madoda?Indoyisile mna ndedwa,Ngentliziyo edalwe yodwa.

Yazindinixelele;Le nto masiyixolele.Onke ayafanaNgumgub’ engxow’ enyeNgath’ azalwa- Ngumnt’ omnyeUkufana ngentliziyo.

NOMAMPONDOMISEMzuvukile Manxiwa

Uyinyam’ esethanjeniUngumthomb’ ezindongeniUyintlak’ esexolweniUbubusi obusemngxunyeni

Awungomazinyo kaKrebeUngaphethe nazinkempeUnezinyw’ elimhlopheNay’ intliziyo imhlophe

Uyingom’ emnandiNgesicwengiley’ isandiKwiimpixano namadabiUthi gqi ngomlom’ omnandi

Unothando lwehobeNdikubhale nakwizihobeUndinik’ ihlombeIzandla ndizihlambe

Uyimbawula evuthayoIsikhukukazi esikhathalayoIsandla sasekuneneEsishushu nene-nhenhe.

Ukwasiso isabhokhweEsivuthulul’ ukhwekhweKum uhlel’ entliziyweniKananjalo egileni.

47 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

ISIVATHOMbongisi Dyantyi

Ndiyazi utshatile, Isidlakela sendoda, Iyoyikeka inene.

Ndiyakuthanda.

Zivathe ke ngoko, Ngamatye am, La axabisekileyo, Unxibe ke noko, Uthando lwam nawe.

Mntwana, Andizimisele mpoxweni, Amasiko akho nezithethe zawo,Zivathe kuphela, Ngothando lwam nawe, Zibone izinyanya zam, Zindixolelengokuvalaisiqhamosam;Zibone izinyanya zakho, Zamkele esakho nje ngesam.

Jonga ke, luvuyo lwam,Khawambathe, uzivathe, Ngothando lwam nawe.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ48

UDLIWANO-NDLEBE NAMALUNGU E-PORT ELIZABETH OPERA HOUSE KUQUKA UMPHATHI WEZIKO UMNUMZANA U-MONDE NGONYAMA NA-

MALUNGU E-PACEC (PERFORMANCE ARTS COMPANY OF THE EASTERN CAPE)

I Opera House ngomnye weyona mithombo midala yeNkcubeko kwelilizwe. Kudala ke njengoko sisazi ukuba imeko yayisenza kubekho abaxhamlayo kuyo nabo bangaxhamliyo ngenxa yengcinezelo, ngoku izinto zitshintshile. I-Zizi, uMnu. Monde Ngonyama nguye oxhuzula imikhala, yaye aliphali ihashe lakhe yehaa! Lizakutshona ke eli anamhlanje ilanga mlesi ufunda kanye ngalengqaka yeNkcubeko ebizwa Port Elizabeth Opera House. Zisuka nje sifuna kuthetha ngomhlekazi apha ogama lingu Thobela Fibi, kodwa oko sikwenza ngodliwano-ndlebe. Nalu.

KUDLIWANO NDLEBE NO-THOBELA FIBI

MN: Ungubani ke Bhut’omkhulu?TF: Ndingu Thobela Fibi, ndizalelwe eBhayi eNew Brighton kwisitalato Mtiya. Ikhaya lam laziwa njengekhaya likaBishop Lulu Fibi, lo waye phaya kwiCawa kaSigxabhayi, kwaTata. Mna ke ndingu Gaba, Noz-inga, Cihoshe, Mntw’omlambo! Apho sasisuke khona ke kuse Cumakala. Ndizalwa nguMam’ uNoluthando Fibi, nongasekhoyo uTat’ uSiyo Fibi. Nd-ingumntwana wabo wokuqala nowokugqibela, kodwa ke ibanzi i-family yam, igcwele eliBhayi.

MN: Khawukhe utyatyadule ngemfundo yakho kususelaebuntwaneni uze nganeno?TF: Ndiqale eKama Lower Primary School, ndagqithela eJohnson Marwanqa. Emva koko ndaya eMagxaki, ndafunda eSpencer Higher Pri-mary School nase Sivuyiseni Higher Primary School. Amabanga aphezulu

Imibuzo nguMadoda Ndlakuse

ndawenza kwa-Magxaki High, ndawonye ke nase Lawson Brown High School.

MN: Ikho into elukhuthazo owayifundayo kwezi zikolo, nto leyo edibene enkcubeko?TF: Ininzi kakhulu. Phofu inkcubeko (art) ndiyiqale eMarwanqa, ndizenzela. Kanti eSivuyiseni uMam Pono ebesoloko esinceda esixhobisa kulenkcubeko ekubeni ethe waqaphela isakhono esinaso, indim noAyanda Yani. Waye uMam Pono lo wasicela ukuba sithathe inxaxheba kwi Projekthi yenkcubeko eyayibandakanya phantse zonke izikolo zeli Bhayi. Kwandivuyisa kakhulu oko kuba lena yayindlela evela ngayo into ye”Art”. Ukanti ke eLawson Brown ndayixhamla nakubeni inkqubo yayingavumi kubekho uthetha-thethwano, ndaza ndaqhubeka ne “Art” kakuhle ingakumbi ngelixesha lebanga leshumi. Emva kwebanga leshumi ndiye eP.E. Technikon phofu andathathwa, ndathetha nomzali savumelana ndayokwenza iAccounting eTechnikon South Africa. I-Art yayisoloko inkqonkqoza kum ngaphakathi. Emveni koko ndaqalisa ukusebenza ngamandla ngomculo ndisiba ngumdlali-macwecwe (DJ) obalaseleyo owaye saziwa njengo DJ FTL. Ukudlala amacwecwe ndakuyeka ngo 2000, ndahamba ndayokwenza iMusic Production ndizifundisa ngemali yokudlala amacwecwe (DJ-eeing). Ndadibana noAndile Benxa sasebenza kunye sathatha ubu-DJ sabufaka apha ekudidiyeleni/ekuveliseni umculo (Music Production). Yona ke wandishiya elandela imicimbi yakhe ephathelene nezoshishino. Mna ke ndisawuvelisa umculo yaye zininzi gqitha iAlbums endizididiyeleyo ngokufanayo neeSingles. Imveliso yam yokuqala eyaphumelelayo yayiyi Album ye KMT 2005 eyayibizwa “Asizongonwabi”. Ngo-2006 ndakhupha iSingle eyayikwindawo yokuqala kwi-Internet. Ngoku i-“Crossover” Album ekhutshwe ngo June ka2012 iqhuba kakuhle. Kanti kukho neAfro-Pop endiyenzileyo yaza yakhutshwa kwelamaJamani uyokutsho kwelamaNgesi.

MN: Khawusichazele wenzani apha eOpera House? Sivile ukuba kuyavuywa genxa yegalelo onalo apha. TF: Ndiyi Music Producer. Kuyenzeka ukuba abathile baxakwe xa kufuneka bechaze intsingiselo ye-ligama.

49 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

MN: Injalo kanye, khawutsho!TF: Ngumntu ojongana ne-Creativity yeMusic Production. I-Music Producer ibanesakhono somculo. Iyakwazi ukumamela. Mandithi ikwanesiphiwo sokumamela, ze yazi umculo ofunwa ngabantu. Ngenxa yeTechnology wonke umntu uyakwazi ukuthi uyi-Producer. Kudala eStudio bekubakho iindidi ezimbini zabadidileyo/abavelisi bomculo: (1) Technical Music Producer, kunye, (2) Nalowo ungumqambi kodwa ekwangumvelisi. Lowokuqala uyashicilela, afake intwana- ntwana ze umculo ubenencasa, umameleke, uvakale ubenesandi esisiso. Owesibini yena uyekela kulo wokuqala ze amamele undonakele, alungise apho.

MN: Owu! hayi kwatsho kwathi qwenge! Yima keBhuti, uqale nini ukuba yi-Music producer apha eOpera House?TF: Ndiqale kulonyaka ka-2013, ngoJanyuwari.

MN: Ngaphambi kokuba ufike apha eOpera House, ingaba ibikhona iMusic Producer?TF: Ndingumqali wezinto. Ndiyeyokuqala iMusic Producer apha eBhayi. Yaye ndiyanzingca ngaloo nto. Ndineqhayiya kunjalo nje.

MN: Ithetha ntoni yonke le nto kuwe?TF: Umculo bubomi kum. Ndayeka nomsebenzi ngenxa yomculo,bubomi bam iintsuku zonke. Naxa ndisendlini ndisoloko ndisenza into edibene nomculo. Yintsikelelo yokwenene kum nakubeni omnye umntu engenakuqonda loo nto. Ngumsebenzi endiwuphiweyo nomfezekisi wephupha lam ekubeni kakade ndingakhange ndiyeke. Okokoko bendiphilela umculo. Ndiphila wona ke nangoku.

MN: Ikho imiceli-mngeni oye wadibana nayo?TF: Ikho imiceli mngeni mininzi. Maxa wambi abantu baye bangathembi nto kwinto oza nayo. Ndakhe ndathezwa amandla kukuswelekelwa ngabantu endandisebenza nabo emculweni. Loo nto yokufa yenza kwakubi ke mpela, abantu besithi andiyi ndawo, namalinge am akazokuphumelela. Kodwa ke ndazixelela ukuba ubunzima buyakundakha. Ndilapha ke ngoku. Enye into bekusithiwa iBhayi yindawo etyhafisayo, konke esikwenzayo kufana nomlilo wamaphepha. Kodwa phantsi kwazo zonke ezoo ntetho ndanyamezela.

MN: Uthando lwakho lomculo lusukele phi?TF: Ifuthe lawo lasuka kumama owayethanda oo-Barry White, Randy Crawford, mna ke ndithanda oo-Teddy Riley, Blackstreet, njalo-njalo. Kanti apha eMzantsi ndandithanda uCaiphus Semenya no Letta Mbuli kakhulu. Ndandichukunyiswa sisingqi kanti nomyalezo okwiingoma zabo.

MN: Unokusichazela ngawe ne Opera House ?TF: Kuninzi kakhulu okuzayo apha eOpera House, okunomdla. Hlalani nimamele,nijongile,ningaphoswa! Kuza kusetyenzwa. Ninganyebelezeli, kuza kudlalwa!

KUDLIWANO NDLEBE NO-PEGGY CALATA

U-PEGGY CALATA nguye ojongene nemiba ephathelene nabahlali, namaphulo okuphuhlisa inkcubeko, ngamafutshane ngalamakhumsha uPeggy usebenza njenge Community Liason & Outreach Manager yase Opera house. U-Sisi ke yinzalelwane yase-Cradock, kulapho akhule wafunda khona. Kudala ke u-Sisi wabayi Artist, intsapho yakowabo nayo inemvelaphi yenkcubeko. Ngokomzekelo uyise wayene-piano engumqambi, eyimvumi, ebhala amabali ze awalinganise. Lilonke uPeggy uyincanc’ ebeleni inkcubeko, akayiqoboli, okokoko ubomi bakhe bujikelezwe yinkcubeko. Yena ufundele ubutitshala kodwa nabo bagqunyelelwa luthando lwakhe lwenkcubeko. U-Sis’ Peggy ulihambile mpela ke elimiweyo injongo ikukuphuhlisa ulwazi ngenkcubeko, ze aludlulisele kwabo bezwe lakhe banxaniweyo apha elwazini. Selevela e-Ireland ukuya kubafundisa ngenkcubeko namasiko aseMpuma-Koloni. Sevela kuhlala kwi-ECPACC (Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council), iziko elidume ngokunceda abo banesakhono kwinkcubeko

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ50

yalapha kuphondo lweMpuma Koloni. Selevela eSingapore, injongo nalapho ikukufunxa nokugcwalisa uvimba lwenkcubeko ze xa ebuya aphakele nathi basafun’ ukuntinga kulenkcubeko. Ngo 2008 ebekhe waseNgilani kwinto ebizwa ‘Swallow Partners’, apho babentshintshiselana ngeentaka kwangaxeshanye bephefumlelana kwangale nkcubeko. Ngenene nangenyaniso uSis Peggy lo akasosaqhaga,

uyintsengwanekazi. Kanti ke eyona mpumelelo kwelilonjikazi lenkcubeko ibe kukuthatha abalinganisi, abaqambi, iimvumi ezilulutsha – 27 yonke abase eNgilani, nokuze izizwe zibone oko ikuko iSouth Africa, ingakumbi iMpuma Koloni. Ukhumbule ke

mlesi ukuba u 2010 ngunyaka ongasoze ulibaleke kwimbali yoMzantsi Afrika ngenxa yemidlalo yeNdebe yeHlabathi kwibhola

ekhatywayo. Le migudu ka Sis’ Peggy yenza ihlabathi latsho lanenkcasa yoMzantsi Afrika. Uyayazi enye into emangalisayo ngalo mzukulwana

kaTamkhul’ uCalata yintoni? Unyana wakhe yena kuqala uyi Artist, liqhawe neqhayiya lokwenene elenza Ibanga leshumi eAlexander Road High School eBhayi. Yaye uphopho lo esemncinci kudala wazibandakanya nenkcubeko, ngoku ungumakhwekhwetha. Uzakuthini xa unina inguSis’ Peggy, umzali onobubele nonomdla wokuba abantwana base Mzatsi Afrika baphuhlise izakhono zabo, nto leyo eza kubanceda kwikamva?. Qho ngeMigqibelo uSis’ Peggy uqala ngeyethoba kusasa ukuyokutsho ngo 12 emin’ emaqanda kwiphulo eOpera House elibizwa Drama Drama. Apho abantwana bayaqeqeshwa beqeqeshelwa ukulinganisa (Performance). Esisikolo noluqeqesho luqale ngo 2009, yaye iziphumo zalo zintle kakuhle. Usis’ Peggy, bazali nani bootitshala uthi sanukulibazisa, xhasani abantwana benu ngoku balibhongo neqhayiya lenu. Kwakhona uSis’ Peggy neqela lakhe abaphumlanga bayasebenza. Kukho i-Forum ebizwa LACE (Language, Arts and Culture Education) bakunye ke neNMMU bancedisa ootitshala benkcubeko (Art) ukuze bancede kakuhle abafundi kwizikolo zabo. Ivuth’ amalangatye le LACE kuba ootitshala bayayithanda kuba incedisana kakhulu nezinto ezifundwayo kwangabantwana babo. Kuqokelelwa incwadi mhlawumbi ii-novel ne-drama, ze ilinganiswe ngokucokisekileyo, icace, kube lula naxa iphuma ephepheni. Hayi Sis’ Peggy neOpera House sinincamile! Nangamso!

UMadoda Ndlakuse uncokola namalungu e-PACEC (Performing Arts Company of the Eastern Cape):

uXabiso Zweni waseBhayi, Xolisa Ngubelanga waseNgqushwa, Nomfundo Mgoqi wase-Adelaide, Nobesuthu Rayi waseBhayi, Olwethu Mdala wakuTsomo, no-Jocelyn Scholtz waseBhayi

I-Opera House ilukhathalele ulutsha. Akhonto ibuhlungu njengoba ulutsha enoba lunesakhono, mhlawumbi ngamanye amaxesha lungenaso eso sakhono, kodwa ufike ulibone luhamba lucela i-20 cents kwiikona zesitrato. Ufike luphaka inkunzi, lithubulezisa okanye lisebenzisa iziyobisi. Akhonto ibuhlungu nelusizi njengokubona umntu omtsha onesakhono edlala ngaso engasikhathalelanga, okanye akhule ze asweleke eyimpula kaLujaca. Nalapha iOpera House iveze iyeza. Bane PACEC (Performing Arts Company of the Eastern Cape). I-PACEC le iqale ngo-Agasti 2012. Injongo? Kukuphuhlisa lenkcubeko nakwiqonga ingakumbi eMpuma Koloni. Masikhe sidlane indlebe nalamajoni namaqhawe esizwe akwa-PACEC.

51 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA

NO-NOMFUNDO MGOQIwafumana lamanqakuMN: Yaqala nini yonke lento, uthando lwakho lomdlalo weqonga?NM: Ndingathi ndandisekumabanga aphakathi. Abathandi bomdaniso badibana nabeDrama, emva koko ndaqonda ukuba apha kulapho ndimele kubakhona.

MN: Ikho imiceli mngeni owadibana nayo? NMI: Hayi wethu, mna bendisoloko ndixhaswa yintsapho yasekhaya nabahlobo bam. Babesoloko bekho ecaleni kwam, yaye bendinika inkxaso kanye xa ndiyifunayo.

MN: Yintoni egqamileyo okhe wayinxalenye yayo kwi PACEC? NM: Kukusebenza nabantu abanamva abakhutheleyo, abaluncedo. Indlela zabo ezahlukileyo zokubhala zindincedile. Umzekelo kukuba mna ndiqhele ukubhala i-Monologues, kodwa ngoku ndikulungele ukubhala nantoni na ngenxa yabo.

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-OLWETHU MDALA wafumana lamanqakuMN: Kuthetha ntoni kuwe ukukhokela i-PACEC? OM: Ithetha ukuba noxanduva olokhulu ingakumbi kwimiba ephathelene nezigqibo emazithathwe, ukukhokela, ukuyalela abantu, nokukhumbuza abalingane noogxa bam ngezinto ezimele zenziwe.

MN: Ingaba uziva ukhula njengoko ukwesi sigxina? OM: Ewe bhuti, ukukhula kukhona kuba andijonganga kuphela isiqu sam, kodwa ndijongene ne PACEC xa iyonke.

MN: Yaqala nini yonke le nto yeqonga kuwe? OM: Ndisekumabanga aphantsi sasidibana ngokwamaqela ngamaqela, abanye bedanisa, abanye bebhala iingoma, phofu singena nkokheli namntu usicebesiyo ngale nto siyenzayo. Sasikholisa ukuhambela iikonsathi, imidaniso, kwanezinye nje iindawo zolonwabo nenkcubeko.

MN: Wazibhaqa njani ukuba inkcubeko neqonga likhondo lakho? OM: Ndaziqonda ngexesha endathi ndamkelwa eStage World Theatre ndineminyaka eli 19 kuphela.

MN: Yintoni eyayikuvuyisa ngaphambi kokuba kubekho iPACEC? OM: Ukuphumelela kukhuphiswa luka 2011 apha eOpera House njengoyena mlinganisi okanye mdlali ubhinqileyo ubalaseleyo (Best Actress). Kanti ndachongwa nakwiZabalaza Theatre Festival ngoMatshi ka 2012 njengoyena mlinganisi ubalaseleyo (Best Actress).

MN: Kanti ngoxa ukwi PACEC? OM: Zimonologues ezi-2, ethi “On 1st Gear”, neyesibini ethi “On 2nd Gear”. Yho! hayi kuyahanjwa apho, ubuchule bungaphaya!

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ52

MN: Wena ujonga kubani umzekelo? OM: KuMam’ uNomhle Nkonyeni. Nguye ondiphilisayo nendifunda kuye ngamandla ngalo msebenzi wokudlala eqongeni.

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-XABISO ZWENI wafumana lamanqaku

MN: Ungubani uXabiso Zweni? XZ: NguMphankomo, Ngwanya, Qengeba, ezalwa nguMamNgwevu, uMhlatyana, uSkhoma, ezalelwa eSomerset East kwaNojoli, pha kwiminyaka ye 80’s.

MN: UXabiso udibene njani nenkcubeko? XZ: Ndibene nayo ndifunda ibanga lesixhenxe. Ngeelo xesha sasisenza umdlalo weqonga, phofu ndingenelela kuba kuduke omnye umdlali, kwafakwa mna ke ukuba ndingene ndidlale. Kuba ke kwangendalo nje le yam ndiliyolisa, iqhula, nesiqhwaga esithanda ukuthetha, ndachongwa ekugqibeleni ukuba ndibe yinxalenye yaloo mdlalo. Andisasikhumbuli isihloko sawo, kodwa sasimnandi. Emva koko ndalandelisa ngemidlalo yeqonga esikolweni xa kwakubanjwa iminyhadala yeqonga. Ndandisoloko ndikufutshane ukuze ndithabathe inxaxheba nakweminye imidlalo evelayo.

MN: Kuthetha ntoni ukuba lilungu le PACEC? XZ: Kuthetha ukuba ndiza kuvela kwizinto ezininzi apha kwinkcubeko yase Mpuma-Koloni. Ndiza kudlala kwiindawo ezininzi zephondo, kukhule kuqaqambe isakhono sam. Sosebenza nomntu wonke sincede abanye baphuhlise izakhono zabo.

MN: Ukuba onke amaphondo aseMzantsi Afrika ebenombutho onjenge PACEC ngezinjani iimeko? XZ: Imeko ngeziphucukile, indlala ngeyingekho nkulu kwi-Artists. Ngeyinqabile into yokuba kuthiwe iArtist ifa ingenamali, yaye oko kungathetha imanyano.

MN: Ubomi bakho ngaphandle kwe PACEC ngebunjani? XZ: Ngebume ndaweni-nye. Nditsho ukuthi mhlawumbi ngendingena bomi, ndizinze bhunxe okwelovane emthini, ndingashukumi nakancinci ukuya phambili, ndingena kamva.

MN: Ukhumbula ntoni egqamileyo ngaphambi kwe PACEC? XZ: Kum kuqaqamba I Showtime Awards ngo 2006. Ndachongwa njenge Most promising Junior Performer kwalapha eOpera House. Ngo 2008 ndayi Best Supporting Actor kwi ACT PlayCompetition. Kanti ngo2010 ndayi Best Actor kwi ACT Play Competition.

MN: Ngubani ojonga kuye umzekelo mbomi? XZ: Ngubawo uJohn Kani. Kanti nosewadlulayo utat’ uGibson Kente.

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-XOLISA NGUBELANGA wafumana lamanqakuMN: Ngubani uXolisa Ngubelanga? XN: Ndingu Zengele, Nxasana, Minyela, Sotywala, uMvelase owawela umfula ungawelwa uwelwa ziinkojane kuphela. Ndingowase Ngqushwa eCisirha, kodwa ke sizinze kwaTyhefu.

MN: Siyazi ukuba kudala ulapha kwezo qonga. Wakhuthazwa yintoni? XN: Yho! Bhuti wam, intsusa inde. UTanci wam wayeyimbongi, edlala, etyityimba. Ngelishwa lakhe wathanda kakhulu iziselo ezibandayo, ibhotile ukutsho ke. Wasela. Izinto zatshintsha kuye emva koko. Ndakhuthazwa nayingqeqesho yasekhaya, yandigcina ndingaphazanyiswa zizinto zaphandle.

MN: Sesiphi isakhono onaso? XN: Yhu! kukulinganisa, kukubhala, kukunikezela umkhomba-ndlela ngokwaseqongeni (Director). Ngaphambi kwe PACEC bendiyi Artist ephila ubomi bokuba nesakhono njengayo nayiphina i-Artist. Umahluko ngoku kukuba ngemisebenzi noko iinto ziya caca.

53 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

MN: Xa kuvela igama elithi PACEC yintoni ethi qatha engqondweni yakho? XN: YiMpuma Koloni, ubugcisa kwakunye nenkcubeko yayo.

MN: Ungazichaza njani wena? XN: Ndilinxila leQonga.

MN: Utsho ukuthini? XN: Xa unxaniwe ubawela ngokunyamezelekiyo ukufumana ibhotile khe uyisele. Gqiba nje kwakho ukuyitya le bhotile ... isimanga sento ... ubawela enye! Ulale. Uphinde ufumane enye. Lilonke andizoli, andonwabi xa imidlalo yeqonga indinqabele enokuthi ndithabathe inxaxheba kuyo. Hleli nje ngamaxesh’ anjalo okoma ndiyabheka-bheka, ndifun’ intw’ eselwayo, ndifun’ iqonga - ndifun’ ukuthob’ unxano lwam ngokudlala eqongeni. Ndilinxila ngokwenene eqongeni.

MN: Apha kwi PACEC ngubani okukhuthazayo? XN: Ndingathi nguNomfundo Mgoqi. USisi lona uyasonwabisa ngamandla, sitsho sisebenze kamnandi.

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-JOCELYN SCHOLTZ wafumana lamanqaku

MN: Ngubani uJocelyn Scholtz? JS: Ndazalwa ndakhulela apha eBhayi. Esikolweni ndiye ndaqeqeshelwa ukudlala eqongeni, kumculo weqonga (Musical Theatre), kanti ndonwatyiswa kakhulu kukuhombela ndihambele imidlalo yeqonga, ngakumbi enemiboniso nemidlalo yengoma eqongeni (Musical Theatre).

MN: Yintoni ekuvuselelayo koluthando lwakho lweqonga, ikukhuthaze ukuba uqhubele phambili?JS: Kunzima kum ukwalatha isizathu esinye ndithi yile nto le endomelezayo kulo msebenzi. Suka nje ndithi umsebenzi weqonga yinto endiyithandayo nengundofanaye wam.

MN: Abantu abakwaziyo, abazali, izihlobo, izizalwane, njalo-njalo, bathini ngokuzibandakanya kwakho namaphulo kwinkcubeko, ngakumbi xana sithi siqwalasele ukungamkelwa ncam kakuhle kwenkcubeko ngabantu jikelele?JS: Owu! Ngomnye umbandela lowo. Kodwa ke ndiyazama ukubafundisa abantu ngeqonga nokubaluleka kwalo msebenzi siwenzayo. Kunzima kodwa kuba uninzi lwabantu njengoko nawe usitsho imidlalo yeqonga abayinanzanga, bengayiboni njengeminye yemisebenzi ephucukileyo okanye esemgan-gathweni. Zintsha ezizinto kubantu bethu.

MN: I-PACEC ithetha ukuthini kuwe njengomdlali weqonga oselula?JS: Kum Bhuti i-PACEC ayingomsebenzi nje kuphela. Bubom kuthi obu.

MN: Ucinga ukuba iOpera House isebenza ngokwaneleyo ukuxhasa abadlali beqonga?JS: Ewe nje! Sesona sizathu silapha. I-Opera House isithathe yasibeka kumanqwanqwa aphezulu ngeliphulo ize nalo. Isiqokelele, yasisondeza. Ngoku kubuyela endaweni isidima sabadlali beqonga nesenkcubeko. Sibulela kakhulu ngelinyathelo likhulu kangaka leOpera House.

MN: Ingaba iphondo liyaziva izingqi zenu njengePACEC?JS: Ndifuna ukukungqina oko, izingqi zePACEC ziyavakala. Sibatsha, siza nento entsha, sinodlamko lomoya omtsha, wabantu abasebatsha nabakhulayo, abenethemba ngengomso labo. Bazakusazi bonke nabangakava nto ngathi. Sesifikile siyiPACEC.

MN: Ngobani ii-role models zakho apha eqongeni? JS: Ngaphandle kwentandabuzo ngu-Marlen Peterse. Yimbava yam leyo.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ54

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-NOBESUTHU RAYI wafumana lamanqakuMN: Ngubani uSisi lo, uNobesuthu Rayi? NR: Ndingu Nobesuthu Rayi, uMaduna, Juyane, Msuthu wakwaMagxaki, apha eBhayi. Ndizalelw’ aph’ eBhayi.

MN: Udibene nini neArt? NR: Ndidibenene nayo ndisafunda ibanga lokuqala phantsi kukaTishala uZulaeSivuyiseni Intermediate School.

MN: Ithetha ntoni iPACEC kuwe? NR: Kum i-PACEC bubuso obutsha. Ewe, ngoba kaloku phambi kwethu kwakukho ooMam’ Hlehle (Nomhle Nkonyeni), ooTat’ Winston Ntshona, ooTat’ John Kani, babezi Serpent Players. Emva kwabo kwathi akwavakala nto. Ngoku kukho thina yaye silandela besaphila.

MN: Kwi PACEC niyahlonelana, ninothando yaye nithandana ngathi niyintsapho enye, yintoni imfihlo? Khawutsho.NR: Akho mfihlo wethu. Xa ungumdlali weqonga awufani nabanye abantu noba umdala kangakanani, kodwa ubuntwana bakho busoloko buphambili. Sonwabile kakhulu.

MN: Akho amaphuphu onawo nge PACEC nekamva? NR: Iphupha lethu lokuqala kukwaziwa yiMpuma Koloni iphelele. Sifuna ukuyilwela kakuhle ekubeni sineligama layo silithweleyo, sandule ke ngoko ukuphumela kuMzantsi Afrika uphela.

MN: Kulo nyaka nijonge phi? NR: Kulo nyaka sifuna ukuzi bethelela njenge PACEC kule nyhweba yokuthatha inxaxheba kwi AFCON. Sijonge ukusa imidlalo yeqonga emibini eRhini kumnyhadala kaZwelonke weNkcubeko. Amazwana nje okuvalelisa, ukusukela ngoku ukubheka phambili siza kwaziwa kakhulu. Inani liza kwenyuka ngenxa yeKOTAZ. Ithethe ukuthi loo nto neeShows zethu ezilandelayo umgangatho uza kwenyuka. Yaye siyicela ngamandl’ egeza inkxaso.

UMADODA NDLAKUSE UNCOKOLA NO-MONDE NGONYAMANgoku eli lithuba lelokuba iBhayi liphela, iMpuma Koloni iphela nditsho nkqu uMzantsi Afrika uzivele ingqumbululu yodliwano-ndlebe phakathi kwam kunye no-Mhlekazi obekekileyo uMonde Ngonyama, yena yedwa onguMphathi-Jikelele we-Opera House. Masigawule siwarhuqa nto zakuthi kukude kakhulu apho siya khona nale nkcubeko.

MADODA NDLAKUSE: Mhlekazi ungakhe usichazele ukuba ungubani? MONDE NGONYAMA: Mna ndinguMonde Ngonyama. Ndizalelwe eKirkwood, ndakhulela eTinarha. Ukanti ke ndifunde e-D.S. Bethani ngoku ebizwa i-Moses Mabhida High School.

MADODA NDLAKUSE: Uqale nini ukudibana nezeQonga okanye masithi inkcubeko? MONDE NGONYAMA: Ndiqale e-D.S. Bethani ndisafunda ngelo xesha ibanga lesibhozo yaye kwangalo nyaka ndabhala umdlalo wam wokuqala othi “Xola”.

MADODA NDLAKUSE: Sive ngeempukane eziluhlaza ukuba ukwangutitshala. Ungasichazela ngendima edlalwa ngutitshala ukuze kuphucuke izinga le nkcubeko kwelilizwe? MONDE NGONYAMA: Ndingutishala mfondini, andizisoli ngoko ngumyolelo ka tatomkhulu wam lowo, owathi abona bantu abaye badlala indima ebonakalayo nabaye banefuthe kumzabalazo wenkululeko ngootitshala, esitsho esithi nkqu nasebefundisini ukho umahluko phakathi komfundisi oqale wangutishala kuqala, ze wangumfundisi. Akafani tu nalowo uvele wangumfundisi. Ekubeni kukho intetho endala ethi “Akunakukhonza nkosi zimbini” ndabona ukuba mandibhenele kwelicala le Art ukuze ndingamoshi ikamva lomntwana omnyama ngokumana ndingabikho esikolweni ngenxa yee ntlanganiso nee nkomfa kunye nabo basebenza kwisebe lenkcubeko namasiko.

55 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

MADODA NDLAKUSE: Mhlekazi, siva nento yokuba nguwe uMphathi-Jikelele walomzi-mkhulu nohlonitshwayo nodumileyo nonembali i-Opera House. Kuqala makhe sibuze senjenje: yabakho nini i-Opera House? MONDE NGONYAMA: Ezintshukumo zokuba ibekho zaye zaqala ngabo 1820, 1830 ngela xesha abantu abamhlophe babegushuza besenza amalinge okuba lo mzi ume. Kodwa ubukho bawo umzi lo wabakho ngowe 1892. Ngoku lo mzi ungqiba iminyaka eli 120. Siza kuyenza imibhoyozo yoko kulo nyaka. I-Opera House le yavulwa ngokusesikweni nge 1 kweyoMnga kunyaka u 1892.

MADODA NDLAKUSE: Wena ngaphambi kokuba ibe nguwe oshay’ isigingci apha yintoni obuyithanda nge Opera House? MONDE NGONYAMA: Xeshikweni okaMandela noogxa bakhe beseka uMkhonto weSizwe wayevakalelwa kukuba idabi bangalilwa bengakhange babe baye elibhacweni. Yayiyingcinga nje leyo. Ndizama ukuthi iinzame zakho ungaziphumeza xa unokuyicokisa injongo yakho. Mna ke ndaye ndazibona ukuba ndiyakuthanda ukubhala, ndiyabuthanda ubuzwe yaye ndiyabuthethelela sele buphanza. Apha ekubhaleni ndithanda ukubhala ngathi nangezinto ezayamene nathi, kodwa ndibhala nje ngolwam uhlobo. Ubukho bemizi enjenge Opera House buluncendo ukuze ababhali bakhululeke babe nempumelelo. Mna ndiqale ukudibana ne Opera House ngo 2011, ngeloo xesha ndisebenza kwa ECPACC. I-ECPACC ndayicela ukuba indizise apha e-Opera House ukuze ibe nalo ilungu elimela abantu njengelungu leqoqo eliphetheyo.

MADODA NDLAKUSE: Njegokuba ngoku inguwe oqwalasela izinto lukhona utshintsho olwenzileyo ukuze iOpera House ibe luncedo kweze nkcubeko?MONDE NGONYAMA: Ukususela ngoJuni ka 2012 ziyi-24 izinto endizenzileyo. Eyokuqala ndiseke inkampani ye Art kwicandelo le theatre ebizwa PACEC. Eyesibini - ibekukunxulumanisa lo mzi nabantu, ukuqala apha ekuhlaleni ukuya kuzwelonke. Ndaqesha uMdidiyeli/uMvelisi woMculo (Music Producer) ukuze ajongane nomculo nje wodwa. Ndasekela iFestivals ekuthwa liPhulo Drama Festival, neNgoma Music Festival. Yaye azigqibelisanga kulo nyaka ziza kuqhubeka zikho, futhi zisonwabisa unyaka nonyaka. I-Shukuma Dance & Drama Festival iye yaphuhliswa apha ekhaya. Xa ndicinga nge PACEC ndiba nento ethi asoze sikhule ukuba asinakubana badlali beqonga abaphila ngalo, ngamany’ amazwi abasebenza barhole ngalo. Okwesibini soze isidima sibe khona xa wonke umntu wenkcubeko engumngqibi: Isidima somntu ziintsiba zakhe. I-PACEC iyaphangela ngesakhono sayo. I-PACEC izakuba ngumtshayelo wegqwirha ozakusisa phambili. Sithetha nje iDirectors ezaziwayo nezingoma kad’ enetha kuzwelonke xa kufikelwa kumba weqonga nemveliso zixakekile zixutha-xuthana ngePACEC, zifuna ukusebenza nayo. OoNomhle Nkoyeni no John Kani abalandelayo baza kuphuma kule PACEC. Lona iphulo belikade liyi-One Act Play yaye ingqalelo ibinikwa lowo uphumeleleyo, ndaza mna ndeza nelokuba makubekho ababhali abangakumbi, abavelisi ngabavelisi benkqubo/abadidiyeli bazo abaza kuza nomsebenzi wabo omtsha, uze omdala uphuhliswe. IPhulo linyathelo lokuqala elisisa ku Mnyhadala weNkcubeko kaZwelonke eRhini, yaye sithetha into enye noMaspala kulomba wephulo. Lilonke iPhulo lenza oompondo zihlanjiwe. I-Shukuma yona izakusebenza ngamandla isiphathele nolwazi lwethu kwabo basemaphandleni. Xa usitya isonka akho nto intle nencomekayo njengokuba uqhekezele nommelwane. I-Shukuma ke inikela ingqalelo kwabo bakwiziphaluka nasemaphandleni. Ngeba besinqwenela ulutsha kanye olu lungekho zikolweni, kodwa ke ngelishwa inkoliso yabantu abatsha ayidibani nenkcubeko. Ngoko ke asicaluli. Sijonga abafundayo nabangafundiyo abanomdla we nkcubeko. I-Shukuma lilonke yeyophuhliso (development). Ukhumbule kanti uDaba lona luseza ingakumbi kumcimbi wemixhentso (Dance). Kwakut-shona ilanga ndiphawula ndikhankanya izinto ezityisa abathandi benkcubeko ezityalwe apha ekhaya.

MADODA NDLAKUSE: Xa kuthethwa nge Opera House yintoni abantu abamele bayikhumbule? MONDE NGONYAMA: Umzuzu womlingo (Magic moments on stage). Ngeba sifuna ukuba amabali angalibaleki, abe ngawenene, aze achukumise imvakalelo zabantu.

MADODA NDLAKUSE: Mhlekazi thetha inyani, ngale xesha wawuseyi dyongwana wawucinga ukuba uyakube usenza ntoni ebudaleni? Babenyeke ntoni kuwe abazali? MONDE NGONYAMA: Ndadicinga ukuba ndizakube ndisenza into entle noba yenjani na. Azange ndifune ukuba ngugqirha ekubeni ndingadibani ncam negazi. Ndandisoloko ndifuna ukwenza into endandiza kuzidla ze ndibe neqhayiya ngayo. Umama wayefuna ndibe liqwetha kanti utamkhulu wayefuna ukuba ndibe ngutishala. Ndamamela ndalithatha icebo lalo mdala.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ56

MADODA NDLAKUSE: Yintoni le ikwenze iArt wasoloko uzi bandakanya nayo unceda uluntu kuyo? Yintoni eya kuqhabayo uzo kuthi ga ngoku?MONDE NGONYAMA: Ndincedwe kukufunda iincwadi. Bendiye ndifunde iincwadi kanye ezi abanye bangazifundanga ze ndibalalise ngazo. Ethubeni ngoku ndavela ndathanda ukubalisa kwakhula isiphiwo sam sokubalisa. Kukho umfo owakhe wathi kum xa ndibalisa mandicinge ngalo mthetho we science othi “For every action there is an equal but opposite reaction”. Le nto umntu ayiqhelileyo uyichaze ngenye indlela. Ndandisenza kanye loo nto yaye abantu babevakalelwa kamnandi gqitha bathi bokugqiba bacinge nzulu.

MADODA NDLAKUSE: Ikhona imiceli-mngeni okanye amagingxingingxi othe wadibana nayo ebomini?MONDE NGONYAMA: Mininzi kakhulu. (A) Uxanduva lokuqala kukucenga abantu babe nokholo kwimisebenzi yethu. (B) Kukucenga iArtists zixhase imisebenzi yezinye iArtists. (C) Kukubacela abepolitiko ukuba baxhase inkcubeko, hayi ukuba bayidelele.

MADODA NDLAKUSE: Uvakelelwa njani ngobuhlobo obukhoyo phakathi kwe Kotaz ne Opera House? MONDE NGONYAMA: IKotaz yenye yeminxeba ebalulekileyo nendizimisele ukuyixhasa kangangoko ndinakho njengo Mphathi wase Opera House, ize ifikelele kwinqanaba lokuba yamkelwe ngabanthu beli phondo. Bamele bazi ukuba iKotaz ngumnxeba wemibono nezimvo zabo kwezenkcubeko kweliphondo.

57 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

IPOLITIKI NAMHLAINTLUTHA

YONA MASIYINCAME

Mpumi Cilibe

Ipolitiki namhlaNgumhlaba wamaqabaSonke torho siyakwazi okoUngangena aphoYazi mhlophe ulahlaUbomi bakhoLona luzakuswela usaphoNgumhlaba wamanyolukaAngenamdla kwezesikoloIsininzi sabo siqhutya yindlalaYiyani esikolweni maqhaweIselithuba ungafunda naweAliphucuki ilizwe lilawulwa liqaba.

UMNTUMpumi Cilibe

Umntu ufana nqwa nofudoKon’ esikubonayo ngaye luphahlaUbu yena bakhe ubungcwabileUveza izinyo ange uyahleka Kanti ngaphakathi ububuhlungu benyokaUthetha naye ukhuphele wopheleAze yena asale enqwalaAnge uyavumelana nawe.

ZAKUFIKA INGCINGA

Mpumi Cilibe

Ngenene ezi ngcingaZindifaka engxakinikaziAndiphindi ndibuthi rhwe zakufikaZihlasela zingatsho ukujikaNditsho ndiphakame ndiphuthum’ usibaMaxa wumbi zindiphathel’ iintshabaKanti andinqweni ukuzenz’ izothe.

Mpumi CilibeMasilibaleni ngomhlaba wethuMasilibale ngelizwe lethuSithengisene sithengisiweOo-Anglo bazithengile iinkokheli zethuIntlutha yona masiyincameAyidla mpela impahla amadlagushaAsifudusa ngemipu emihlabeni yethuNamhla siyi loo mipha ichutyweYalahlwa, iimpula zikaLujacaBamdudula kakubi uNgqikaPhezu kwe Nxuba bawohluthaNalowo umhlaba, kanti namhlaBesiba sikhululekile nje kalokuSakuthethana notshaba malungaNembuyekezo, zibuyiselwe kuKesareEzakhe ukuze kulawule uxoloKodwa ngoku sibona bemumatha bodwaAba singa-nkokheli belizwe lethuWahlawuliswa iwaka lonke leenkomoUNgqika ngaloo mini ziimantyi zakwamLunguWakha wayiva phi inkundla egwebaNgoloohlobo;anisaboniukubakukungcolaOko okusafun’ ukulungiswa nanamhla?Vumani bantu, sithengisiwe sithengisene!Zimkil’ iinkomo magwalandini!

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ58

ITSILIDouglas Ntuli

Kwisithili saseFolfanteni, kwifamakazi yomlungu owayengqwabalala kubasebenzi bakhe kumi intaphane yemizi yabasebenzi abasebenzela lomlungu uNgwamza, abanye bathi Gwagwazwa. IBhulu eli lalingena-sisini komdala nomncinci osebenza kuye, ukufa kuye sisipantowu, imvubu emagxeni, ezimbanjeni, ingakumbi ongaphangelanga, egula engaguli.Kude kufuphi apha singabalula umzi waseMajwarheni, eMatshezini, naseMakwayini. Kanye kusemva kokuphela kwexesha lesivuno setshikiri, amadoda nabafazi bangoongqikane, akukho nto yakwenza, nemalana ebisetyenzelwe torhwana iphelile.Kungentsasa yehlobo, into kaQaqa noDongwe zibize izinja zazo zijongisa kwahlathi-khulu, zisiya kuzingela. Kodwa ke le mini zange ifane nezinye, amadodana abuye nembande yesikhova. Yayisuka idubuleke im-punzi etyholweni izishiya izibhulela isaka izinja.Ufaf’ olude into kamaQaqa, into eyayingalinganwa sihlangu nabhulukhwe, ixesha elininzi yayisoloko izithe mpa ngotshotsh’ ufe wedyasi. Zazinzulu kwaye zinkulu iipokotho zale dyasi, usana oluneminyaka emini lungangena luphelele. Bathi bakungafumani nto endle baya ngqo kanye ezantsi komzi kaTshezi, kwiliwa-kazi elalinetsili elingazange lachukunyiswa mntu. Lalinzulu iliwa eli, lirhangqwe zizihlahla zomqaqoba onameva anobungozi. Kumazantsi eli liwa kunesizibakazi esinzulu, othi xa usijonga ubengathi utsalwa ngumnatha.Into kaQaqa noDongwe zihlanganise amaqhinga ukwenzela ukuba bakwazi ukuphakula itsili. Indlu yelitsili yayisembindini weliwa, kunzima kakhulu ukufikelela kulo. Kwakushinyene kakhulu phezu kweli liwa, kwaye nezirhubuluzayo zinganqabanga kuba le ndawo yayithandwa kakhulu naziimbila. Icebo lalilinye, kukudibanisa iminxeba kuze kubotshelelwe nasezimbanjeni lowo uzakuthotywa eliweni.Ufafa olude uQaqa wazichonga wathi nguye ozakuhla eliweni, uzilungisile izixhobo zokuphakula, ndibala ntoni: ilaphu lokuqhumisa, isigqumatheli sokuphakula, kunye nesingxobo sokufaka ubusi namatyhumza. Phambi kokuba ahlele eliweni intambo le yomnxeba ikhe yaphinda-phindwa ukubhijelwa kwisikhondo somthi kumntla weliwa. Qaphela ke mlesi umnxeba lo asinto yomeleleyo kuyaphi. Owona msebenzi wawo kukubopha nje inyanda yeenkuni ezingenabunzima buyaphi.Yaqala inkathazo ngokuthi uDongwe achukumise indlu yoonomanxazane ababethe chu indlu yabo kwesi sigodo. Nankoo esisantanta bezenzela bona oonomanxazane esikhumbeni sendoda. Kuthe kanti ngelixesha besengxakini, nazo izinja ziye zavusa incanda noxam ngaxesha linye phezu kweliwa. Ayizisokolisanga incanda, iye ngqo kumfo kaDongwe. Nantsoo iziphosa phakathi kwemilenze, ishiya ezoontsiba zingcangcazela emilenzeni nasemathangeni.Ngalo lonke elixesha uQaqa selejinga eliweni, ilaphu selilephuza amadangatye, ehlela ngasemngxunyeni wetsili. Uxam ukholwa ngamantintinti, naye lo zange azisokolise, wazaneka eziphosa phofu kweso siziba sasizolile, silindele esalo ixhoba. Ngelingeni urheme lo ude wajinga kanye phambi komngxuma wetsili. Zazizolile nazo iinyosi kambe zisenza imisebenzi yazo yemihla-ngemihla. Naboo oonogada bezolile belinde nayiphina into engachukumisa ukudla kwazo. UQaqa lo sisigantsontso sendoda, into enezoso, endingayiqikelela phaya kudidi lwanzima xa ndiyithelekisa kwezamanqindi. Umnxeba wona wawusele ucekethekile, ungaqhawuka nanini na kukusindwa sesisigantsontso, wena wakhe wambona udyaki edlala ujingi, ebheka ngapha-nangapha eliweni.Nanko uphopho uqhusheka elo laphu, kanye emlonyeni womngxuma. Izinja zazikhwina futhi-futhi kumantla eliwa, zijonge umnini wazo, zinosizi ke kambe. Awu! Yehl’ intlekela madoda, kuphume ookhala babathathu, bashiya ngezoomvila, entloko, empumlweni, esilevini, baphinda babuyela emngxunyeni. Liqalile idabi ngoku, liphumile ibubu leenyosi lijolise nakuyiphina into eshukumayo kumantla eliwa. Zivuthulule izinja, lihleli itsili ezindlebeni, phantsi komsila wenja, emehlweni, njalo-njalo. Zaphaphathek izinja zishiya eloo sizana lingenabani lijinga eliweni.Yakhwaza ikhwazile indoda ifuna uncedo nakubanina, kodwa iliwa lalisuka lihlokome. Ibubu lenyosi lakhetha ukuza kuhlala kanye apha phantsi kwesilevu, phofu lingahlelanga nje lishiya uvila neentlungu. Ngelingeni ude waqhawuka umnxeba kukuxhuzula kwale ndedeba, yaxela ukhetshe esukela ixhoba ukuya kutshona esizibeni.Akubanga lula kwesi siziba, eyona nto yayisenza ubunzima ngutshotsh’ ufe lo wayemnxibile. Zesuka zazala ezoo pokotho ngamanzi, zimtsalela ezantsi, kwade kwanzima nokufumana ithuba lokurhogola umoya.

59 ǁ Kotaz Cultural Edtion ● Volume 5 Number 3

Ngeli thuba itsili lalise liphume lonke emngxunyeni, lindada phezu kwamanzi, lilinde into ka-nkosi eza kuthi thu emanzini. Wayesithi akuvela ngentloko emanzini lisuke lizenzele lona itsili kobo buso babuse butyumfu-tyumfu kukudumba.Esi siziba likhaya loxam lo bebekhe bamswantsulisa kumantla esiziba. Naye uxam lo wayengaziyekelanga phantsi kwamanzi. Wayewujwila ewujwilile umsila wakhe kwezoo ntsinga zale ndoda, andithethi ngamaqatha ayede axobuka kukubhexeshwa sisilo samanzi. Wayengasazi nokuba uphina umfo kaQaqa, ukubona nokuphefumla kwakuxele ithamsanqa kuye.Kwathi kanti engasabonakali nje uDongwe uye kuhlaba umkhosi kwalapha efama. Akhawuleza afika amadoda, neNgwamza ngokwayo, beze kuhlangula eli dela-kufa. Ibhutsi zakhe nebhulukhwe zazisele zikhululwe ngamanzi. Enye into eyamsokolisayo kukuthi kanti ngexesha bekuzingelwa, yena ebequbula imivundla isalele ezikhundleni zayo, aze ayihlohle kweezo pokotho zedyasi yakhe, phofu ke efihlela ugxa wakhe.Walayishwa evenini yomlungu, wabalekiselwa kwagqirha. Kwaba njalo ukufa kwaalo nkosi ingenabhongo ngetsili leenyosi.

AMAGQABANTSHINTSHI NGABABHALI

PHUMELELO ANTONY:Ngumbhali wamabali amafutshane, neenoveli kunye nemibongo. Ubhala ngesiXhosa kunye nesiNgesi. Uzalelwe eTinarha wakhulule khona nemfundo yakhe wayenza kwalapho. Ufume inqanaba leBAED ebutishaleni eVista Dyunivesiti. Une ncwadi ezimbini azipapasheleyo ngaphantsi kwegama lakhe Isimbonono (2009) kunye Lo Mgqakwe (2010).

NOMPUMEZO BUZANI:Ngumbhali ophum’ izandla apha eBhayi nonendumasi. U-Nompumezo Buzani lo uzalwa eDikeni nangona ikhaya lakhe sewalimisa apha eBhayi. Ngokwentsebenzo yaseMlungwini uNompumezo ungumongikazi kwisibhedlele esikwalapha eMaBhayini. Kanti kwisandla sakhe sasekhohlo uphathiswe ucwambu lwemihobe, amabali amafutshane, imidlalo yeqonga, nemidlalwana yoonomathotholo noomabonwa-kude.

MBONGISI DYANTYI:Lo mfana uselula uzalwa kwiphondo laseNtshona Koloni. Ufunde wayityekeza kuba selephuma kuqeqesho lwee-Honours in Philosohy phantsi kweDyunivesiti yase Witwatersrand. Sithetha nje ungumfundi kwakho eRhodes University apho atyebisa khona isakhono sakhe sokubhala kwicandelo le-Masters in Creative Writing, eRhini.

FUNDILE MAJOLA:UFundile Majola lo yinzalelwane yelokishi iNew Brighton, eBhayi, indla-lifa yamaKhomazi. Urheme ke lithanda-zwe elizingcayo ngeelwimi zeenkobe zeli lizwe, futhi ke unamava afikelela kwishumi leminyaka esebenza ngazo: ebhala, ehlela, eguqulela, futhi ke ukhe wanguye nonondaba. Kungoku nje unkabi uqeqeshelwa ukuba ngumbhali ophum’ izandla kwinqanaba loompondo-zihlanjiwe kwiDyunivesithi iRhodes, eRhini, phantsi kwecandelo amakhumsha alibiza ngokuthi yi-Masters in Creative Writing.

JESSICA MBANGENI:Uninzi lwabafundi uJessica Mbangeni lumazi kunomathotholo naphayana kumabonwa-kude. Ngumbhali ogqibeleleyo lo kwanomdlali weqonga owaziwayo ehlabathini lonke. Uvele kwimiboniso bhanya-bhaya emininzi wasasaza nakwiintengiso eziliqela kunomathotholo. Yimbongi yosiba neyomthonyane. Kwiminyakana nje emingaphi edlulileyo ukhe wavela pha kwi-Poetry Africa, eThekwini.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ60

MZUVUKILE MANXIWA:U-Mzuvukile kaManxiwa, nguMpinga uMawawa, uBholokoshe uNt’ omntwana, kulaa mhlaba waseMampondomiseni;eMvumelwanokuQumbu.UfihleintlokoKwa-ZakheleeBhayi.Amabangaakheaphantsi uwafunde eMvumelwano J.S.S. ukusukela kwincwadi yokuqala ukuya kwibanga lesine. Ukusukela kwibanga lesithandathu ufunde e-Ilungelo H.P.S. apha eBhayi. Uqale ukuzibona ukuba uyaluthanda uluncwadi ngakumbi izibongo xa efunda eTamsanqa S.S.S. ekwalapha eBhayi. Waye waxela ukhwekhwe exhwilini ngokuthi nca kuSimphiwe Vikilahle ebese kukudala etshila kweli qonga.

VICTOR MGUZULWA: U-Victor Mguzulwa, uMzangwa uzalwe Phesheya kweNciba kwindawo ebisakwaziwa nje ngeTranskei, kwisiThili saseNqamakwe, kwilali yakuMtebele. Ufunde eMtebele High School naseLukhanyisweni College of Commerce. Ngumbhali wemibongo namabali ngolwimi lwesiXhosa. Uhlala KwaZakhele eBhayi.

DOUGLAS NTULIU-Douglas Ntuli uzalelwe kwidolophana yaseMnyameni, Alexandria kweezofama zingqonge le dolophana. Amabanga aphantsi uwafunde eDebera Primary School, waza waya kufunda kwisikolo semfundo ephakamileyo eBhayi, kwisikolo saseNdzondelelo eZwide. Ukuphumelela kwakhe ibanga leshumi ngowe 1985 waya kufunda kwiziko eliqeqeshela ubutitshala iCape College, kanti sevela kufunda nase Vista University, eBhayi. Ngowe 1991 umfo kaNtuli uqalise ukuhlohla kwisikolo semfundo ephakamileyo ePhaphamani High School, eTinarha, wadlulela eNcedo High School, waya kuwa kumzi waseMfesane High. Kulapho esaxelenga khona nanamhlanje.

Kotaz Cultural Edition ● Volume 5 Number 3 ǁ61